IINDUMISO 46 - isiXhosa 1996

UThixo ungakuthiKumbhexeshi-kwayara; umhobe woonyana bakwaKora; iculo. Liculwa ngathi leliya lithi: “Amantombazana.”

1UThixo ulihlathi nenqaba yethu;

ngexesha leenkathazo uluncedo oluhlala lulungile.

2Ngoko ke asoyiki lutho, nokuba ihlabathi lingazama-zama,

nokuba iintaba zingaphoswa enzulwini yolwandle.

3Hayi, amanzi alo angade agqume alephuze amagwebu,

iintaba zingcangcazeliswe kukulephuza kwawo.

4Kukho umlambo omisinga isivuyisayo isixeko sikaThixo,

esilikhaya elingcwele likaPhezukonke.

5UThixo uthe zinzi apho kuso.

Ngoko ke asinakuze sitshabalale,

kuba yena usinceda kwasekuseni.

6Izizwe ziyaphithizela;

izikumkani ziyabhukuqwa.

Lakuhlokoma ilizwi lakhe

ihlabathi litsho linyibilike.

7*UNdikhoyo uSomandla ungakuthi;

ihlathi lethu nguThixo kaYakobi.

8Yizani nibone akwenzileyo uNdikhoyo.

Ewe, uliphanzisile ihlabathi.

9Ngumaphelis' iimfazwe ehlabathini jikelele.

Uyasiqoboza isaphetha,

awuvikive umkhonto,

amakhaka awantumek' umlilo.

10Uthetha ngelizwi athi:

“Phezani, ndim uThixo.

Ndizivelele izizwe;

nehlabathi ndilikrobele.”

11UNdikhoyo uSomandla ungakuthi;

ihlathi lethu nguThixo kaYakobi.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help