KWABASEROMA 13 - isiXhosa 1996

Ukuthobela abasemagunyeni

1Wonke umntu makathobele abasemagunyeni, kuba akukho gunya lingaveli kuThixo. Amagunya akhoyo amiselwe nguThixo.

2Ngoko ke, ochasene namagunya uphikisa ummiselo kaThixo; yaye ke wonke umntu owenza loo nto uzibizela ukugwetywa.

3Kaloku abaphathi aba aboyikeki kubantu abalungisayo, boyikeka kwabonayo. Ukuba ufuna ukungamoyiki osemagunyeni, yenza okulungileyo, yaye ke uya kukuncoma.

4Kaloku abasemagunyeni zizicaka zikaThixo, khon' ukuze kulungelwe kwawena. Kodwa, ukuba uthe wenza into embi yoyika, kuba abasemagunyeni banikwe igunya lokohlwaya. Kaloku bazizicaka zikaThixo; bayaphindezela, bamohlwaye lowo wonayo.

5Ngoko ke bathobeleni abasemagunyeni, ingengakuba nisoyika isohlwayo kuphela, kodwa nangenxa yokuhlonela uThixo.

6Nirhafa nje kaloku, kungenxa yokuba abasemagunyeni bangamagosa kaThixo, ngakumbi xa besenza umsebenzi wabo.

7Ngoko ke bonke banikeni okubafaneleyo – irhafu kofanelwe yirhafu, umrhumo kofanelwe ngumrhumo, ukuhlonitshwa kofanelwe kukuhlonitshwa, imbeko kofanelwe yimbeko.

Ukuthanda kukuwuthobela ngokupheleleyo umthetho

8Musani ukuba natyala lanto mntwini, lingelilo elokuthandana. Kaloku omthandayo omnye uwuthobele ngokupheleleyo umthetho.

9Imiyalelo ethi: “Uze ungakrexezi, uze ungabulali, uze ungebi, uze ungangqini buxoki, uze unganqweneli,” nokuba nguwuphi umyalelo ongomnye, ushwankathelwa ngelithi: “Uze umthande ummelwane wakho kanye ngale ndlela uzithanda ngayo nawe.”

10Olu thando ke alunakuze lone mntu. Ngoko ke ukuthanda kukuwuthobela ngokupheleleyo umthetho.

11Masenjenjalo ke, sisazi nje ukuba eli selilixesha lokuba sivuke ebuthongweni. Kaloku usindiso lukufuphi kuthi ngoku kunasekuqaleni kwethu ukukholwa.

12Ubusuku buhambile, sekuza kusa. Masahlukane ke ngoko nemisebenzi yobumnyama, sixhobe ngezikrweqe zokukhanya.

13Masiziphathe ngokundileka njengabahamba emini, singabi sezindywaleni nasekunxileni, ekuhenyuzeni nasekurheletyeni, singabi namona nazinkani.

14INkosi uYesu Krestu mayibe sisikrweqe senu, ningasilungiseleli isimo senu esonakeleyo ukuze nanelise iinkanuko zaso.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help