1*UNdikhoyo ngukumkani, uyalawula;
mazimnike imbeko izizwe!
Ungqendeve esihlalweni engqongwe *zizithunywa ezimaphiko;
malingcangcazele ihlabathi!
2UNdikhoyo yingangalala eZiyon;
ngumlawuli wazo zonk' iintlanga.
3Malidunyiswe ngumntu wonk' igama lakhe elindilekileyo!
Kaloku yena nguyedwa okhethekileyo.
4Wena kumkani, ngangalala, mthandi wokulungileyo;
nguwe owezisa ubulungisa kwaYakobi,
wawis' izigwebo kakuhle ungenamkhethe.
5Mbongeni uNdikhoyo uThixo wethu;
zikhahleleni ngasezinyaweni zakhe.
Kaloku yena unobungangamsha.
6UMosis noAron yayingababingeleli bakhe;
uSamweli yayingomnye wababemnqula;
bonke bazibika kuNdikhoyo, wabeva.
7Wayethetha nabo ekwintshinyela yelifu,
kuba babeyithobela imiyalelo nemithetho yakhe.
8Ewe, Ndikhoyo, Thixo, wabeva abantu bakho;
wababonisa ukuba unguThixo oxolelayo,
kodwa ukwangoyohlwayayo intw' embi.
9Mbongeni uNdikhoyo uThixo wethu.
Mnquleleni entabeni yakhe eyodwa!
Kaloku ungcwele uNdikhoyo uThixo wethu.
Who We AreWhat We EelieveWhat We Do
2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.