UMIKA 4 - isiXhosa 1996

Uxolo olungaphele ndawo(Isaya 2:1-4)

1Ke kaloku ngemihla yokugqibela

intaba emi kuyo indlu *kaNdikhoyo

iya kuba yeyona ibalaseleyo,

izikrobele zonke iinduli;

nabantu baya kugxalathelana ukuya kuyo.

2Ewe, izizwe ezininzi ziya kuza zithi:

“Yizani siye entabeni kaNdikhoyo,

endlwini kaThixo kaYakobi.

Yena wosifundisa iindlela zakhe,

ukuze thina sihambe ngazo.”

Kaloku umthetho wophuma eZiyon,

liphume eJerusalem ilizwi likaNdikhoyo.

3Nguye oya kugweba phakathi kwabantu,

abe ngumlamli phakathi kwezizwe ezikude nezomeleleyo,

wona amakrele awenze amakhuba,

yona imikhonto ibe zizitshetshe zokuthena imithi.

Kaloku izizwe soze ziphinde ziqulelane ngamakrele,

zingasayi kuze ziphinde ziqeqeshelwe imfazwe.

4Bonke ngabanye bophumla phantsi kwemidiliya yabo,

umntu ahlale phantsi komkhiwane wakhe,

kungekho namntu uya kuboyikisa.

Kaloku uthethile uNdikhoyo uSomandla.

5Zonke izizwe ziya kuhamba emagameni *oothixo bazo;

ke thina siya kuhamba egameni likaNdikhoyo uThixo wethu nanini nanini.

Ukubuya ekuthinjweni

6Umlomo *kaNdikhoyo uthi:

“Ngaloo mini ndiya kuziqokelela neziqhwala,

neembacu ngokwazo ndizihlanganise,

ngokunjalo nâbo ndibabandezeleyo.

7Iziqhwala ndozenza amasalela,

iimbacu zibe sisizwe esomeleleyo,

uNdikhoyo abalawule kwintaba iZiyon

kusukela ngaloo mini kuse ephakadeni.

8Ke wena, nqaba yemboniselo yomhlambi,

wena nduli, ntombindini eyiZiyon,

wowubuyiselwa umbuso wamandulo;

ewe, ubukhosi bobuyiselwa kwintombi eyiJerusalem.”

9Ngani ke ukuba ubhomboloze?

Ngaba akunaye ukumkani?

Ngaba akusenalo na iphakathi,

sowupena-pena nje ngoku

ngathi ngumfazi efunyenwe yinimba?

10Pinyalaza uncwine, ntombindini eyiZiyon,

ube ngathi ngumfazi mhla ngenimba,

kuba uyaphuma ngoku kwesi sixeko.

Uza kuhlala empenge-mpengeni.

Uza kuya kwelaseBhabheli

apho uya kuhlangulwa khona.

Uya kukhululwa nguNdikhoyo khona,

akukhuphe esandleni seentshaba zakho.

11Ngoku ke zininzi izizwe ezihlanganisene ngawe.

Zithi: “Ewe, mayixabheleke iZiyon,

amehlo ethu akubone oko.”

12Kodwa ke bona abazazi iingcinga zikaNdikhoyo,

necebo lakhe abaliqondi.

Yena ubaqokelela njengezithungu

ingqolowa xa isiya kubhulwa.

13“Vuka kaloku ubhule, ntombindini iyiZiyon!

Ndokunika iimpondo ezingathi yintsimbi,

ube neempuphu ezinjengobhedu,

izizwe ezininzi uzinyhashe zibe ziintsali,

uze loo ngeniso yazo yobutshijolo uyinikele ibe yekaNdikhoyo,

ubutyebi bazo buye kwiNkosi yehlabathi lonke.”

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help