IINDUMISO 117 - isiXhosa 1996
Izibongo zikaNdikhoyo
1Dandulukani nibong' *uNdikhoyo, nonke nina zintlanga!
Mtyibeleni nimncome, nonke nina zizwe!
2Kaloku izibele zakhe zibalasele ngakuthi;
ibe ke uNdikhoyo wohlala enyanisekile kude kuse ephakadeni.
Kungoko sisithi: “Bayethe, Mhlekazi!”