UJEREMIYA 12 - isiXhosa 1996

UJeremiya uyakhalaza

1Ulilungisa, wena *Ndikhoyo, xa ndixambulisana nawe,

xa ndibhenela kuwe ngeendawo ezinxulumene nobulungisa.

Ngaba ibangwa yintoni impumelelo yezibhoja?

Kungani amaqhophololo ehleli ethe zava nje?

2Batyalwe nguwe, zendela iingcambu zabo;

bahlumile, bavelisa iziqhamo.

Usoloko usemilebeni yabo,

kodwa ezintliziyweni zabo ukude lee.

3Ke wena, Ndikhoyo, uyandibona;

uyazigocagoca iingcamango zam ngawe.

Barhuqe abantu abagwenxa, baxele iigusha eziya kuxhelwa.

Bakhethele bucala, ide ifike imini yokubulawa.

4Koda kube nini uzilile umhlaba?

Koda kube nini itshile ingca emadlelweni?

Izilwanyana neentaka ziyafa ngenxa yenkohlakalo yabantu bakowethu.

Kanti bathi: “UThixo akasazi isiphelo sethu.”

Impendulo kaThixo

5*UNdikhoyo wathi: “Xa ububaleka nabantu abahamba ngeenyawo, waza wadinwa, ungakhuphisana njani namahashe? Xa ukhubeka emhlabeni ophangaleleyo, uya kuthini kwiintshinyela zamatyholo aseJordan?

6Ujikelwe ngabantakwenu nendlu kayihlo, bazimisela ukukwenzakalisa. Uze ungaze ubathembe, nokuba bathetha kamnandi nawe.

7“Ndoyishiya indlu yam,

ndisibukule isizwe esililifa lam,

ndimnikele othandwe ndim ezandleni zeentshaba zakhe.

8Ilifa lam nqwa nengonyama egquma ehlathini: liyandivukela.

Kungoko ke ndilithiyile nje.

9Ilifa lam lifana nengcuka engqingwe ngamakhozi;

bizani onke amarhamncwa, eze esidlweni.

10Kofika abelusi abaninzi,

bawuchithe umdiliya wam,

basinyhashe isabelo sam esinqwenelekayo,

basenze sibe ngumqwebedu.

11Isabelo sam senziwe inkangala,

satsho sangumqwebedu phambi kwam.

Umhlaba uphela ulil' ibhungane;

akukho bani uwukhathaleleyo.

12Abatshabalalisi bavele eluqayini entlango.

Ikrele likaNdikhoyo liyawutshabalalisa umhlaba macala onke.

Akukho namnye uya kusinda.

13Baya kuhlwayela ingqolowa, bavune ameva.

Baza kufumana babulaleke, kodwa bangazuzi lutho.

Ngenxa yobushushu bengqumbo kaNdikhoyo niya kuba nesivuno esidanisayo.”

14Utsho uNdikhoyo ukuthi: “Malunga nabo bonke abamelwane abakhohlakeleyo abawuthathileyo umhlaba endawunika abantu bam amaSirayeli waba lilifa, ndithi: Ndiza kubagungxula ezweni labo, ngokungathi ndincothula umthi, ndiyinyothule indlu kaJuda kubo.

15Kambe ndobe ndibenzele inceba ndakuba ndibanyothule, ndibuyisele umntu ngamnye kwilifa lakhe nakumhlaba wakowabo.

16Kuya kuthi xa bazifundisisile iindlela zabantu bam, bafunge nangegama lam, bathi: ‘Ekho nje uNdikhoyo’ – nanjengoko bebebafundisa abantu bam ukufunga ngoBhali – nabo ndiya kubazinzisa phakathi kwabantu bam.

17Xa kukho uhlanga olungevayo ndolunyothula; ewe, ndolunyothula ndiluphanzise.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help