IINDUMISO 58 - isiXhosa 1996

Ukutshatyalaliswa kwabakhohlakeleyoKumbhexeshi-kwayara; ucamngco lukaDavide. Luculwa ngathi yilaa ngoma ithi: “Uze ungatshabalalisi.”

1Ngaba anikhethi buso na kodwa,

nina balawuli, xa nilawulayo?

Anibalamli ngegobe kodwa abantu?

2Hayi bo! Niyila inkohlakalo;

kweli hlabathi naba ugonyamelo.

3Abakhohlakeleyo banxaxha bezalwa nje;

ewe, banxaxha besesesizalweni, bathethe ubuxoki.

4Banobuhlungu njengeenyoka;

banjengenyushu ezenza isithulu,

5ukuze ingeva tu xa iculelwa ngabo banemilingo;

ubuqili benkintsela bungasebenzi.

6Khawubaphule loo mazinyo, Thixo;

wafohloze amabamba engonyama, *Ndikhoyo.

7Mabaphel' emehlweni, baxel' amanzi ehamba ngomsele.

Mabajolise ngeentolo ezibuthuntu.

8Mabanyibilike, baxel' inkumba.

Mabaxel' imva-mbilini ejik' endleleni.

9Imbiza ingekawuva umlilo,

noba wokhekile, noba awokhekanga,

izikhohlakali ziqweqwediswa zingabi sabonakala.

10Ke lona ilungisa liya kugcoba lisakuyibona le mpindezelo;

liya kugxampuza egazini labakhohlakeleyo.

11Abantu baya kutsho bathi:

“Kuthe kanti kuneziqhamo ukuba lilungisa;

ngenene ukho uThixo olilawulayo ihlabathi.”

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help