EYEZIQALO 16 - isiXhosa 1996

UAbram noSarayi noHagare

1Umka-Abram uSarayi wayengazali. Wayenesicakazana somJiputakazi esigama linguHagare.

2Wathi ke uSarayi kuAbram: “Ndiyabona ukuba *uNdikhoyo akandiphanga inzala. Ungangeni uHagare nje, isicakakazi sam? Mhlawumbi angandizalela unyana yena.” UAbram wavuma.

3USarayi ke wamnikezela uHagare abe ngumfazi omncinci ka-Abram. Le nto yehla selehleli ishumi leminyaka uAbram eKanana.

4UAbram wadibana noHagare, waza uHagare wakhulelwa. Uthe ke akuziqonda ukuba ukhulelwe, waqhosha wamdela uSarayi.

5USarayi ke uthe kuAbram: “Endidela nje uHagare lo, kungenxa yakho. Kanti ke wawumnikwe ndim lo, seleqhosha nje akuzibona ekhulelwe. Ngamana uNdikhoyo angahlula oyena unyanisileyo phakathi kwam nawe.”

6Uphendule wathi uAbram: “Kulungile kaloku, sisicakazana sakho; uphantsi kwakho uHagare. Yenza into oyibonayo kaloku.” USarayi ke wamphatha gadalala uHagare, wada wabaleka wemka.

7Isithunywa sikaNdikhoyo sadibana noHagare ngasemthonjeni osentlango ngasendleleni ebheka eShure.

8Sathi kuye: “Hagare, sicakazana sikaSarayi, uvela phi, usiya phi?”

Waphendula wathi: “Ndibaleka uSarayi inkosikazi endikhonza yona.”

9Sithe ke kuye isithunywa: “Buyela kwakuye ke, umthobele.”

10Siphinde sathi: “Ndokunika abantwana abangenakubalwa mntu ngenxa yobuninzi babo.”

11Isithunywa sikaNdikhoyo saqokela sathi:

“Ukhulelwe nje uza kuzala inkwenkwe.

Uze uthi nguIshmayeli igama layo,

kuba kaloku uNdikhoyo uyivile intlungu yakho.

12Kodwa yena unyana wakho uya kuziphatha okweqwarha;

uya kuchasa wonke ubani,

angafunwa ngumntu wonke naye.

Uya kuhlala elikheswa phakathi kwabantu bakowabo.”

13UHagare wathi khumnqa, wathi ke ukumbiza loo Ndikhoyo ambonileyo nguThixo obonayo, kuba esithi: “Ngoku ndimbonile ondibonayo.”

14Yiyo ke loo nto abantu bathi loo mthombo uphakathi kweKadeshe neBherede ngumthombo kaPhila-endibonile.

15-16UHagare wazala inkwenkwe, wathi ke uAbram igama layo nguIshmayeli. Wayemashumi asibhozo anesithandathu ubudala uAbram ukuzala kwakhe unyana.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help