1Wuphulaphule umthandazo wam, *Ndikhoyo;
sive isikhungo sam.
Wena uthembekile, ulilungisa; nceda undiphendule.
2Musa ukusixoxisa isicaka sakho;
kaloku akukho bani umsulwa phambi kwakho.
3Kaloku utshaba luthene mbende nam;
lundixushe lwada lwandishikixa.
Lundivalele kwamnyama-ndawo,
ndanga ndingowafa kudala.
4Xa kungokunje ndiyayoba;
intliziyo yam iyangcungcutheka.
5Ndikhumbula imihla yamfamlibe,
ndicamanga ngezinto ozenzileyo,
ndiphicotha imisebenzi yezandla zakho.
6Ndizolulela kuwe izandla zam;
ndikunxanele njengomhlaba owomileyo.
7Nceda usabele, Ndikhoyo;
umoya wam ufadalele.
Hayi, musa ukundifulathela,
hleze ndifane nĂ¢bo baya enzonzobileni.
8Ububele bakho mandibuve kwakusasa;
kaloku mna ndikholosa ngawe.
Ndifundise indlela endifaneleyo;
kaloku mna ndizibika kuwe.
9Ndikhoyo, ndihlangule ezintshabeni zam;
kaloku mna ndizimela ngawe.
10Wena unguThixo wam,
ngoko ke ndifundise ukuthanda kwakho.
UMoya wakho wobubele
makandikhokelele endleleni esisithabazi!
11Ndikhoyo, ngenxa yesidima sakho ndihlaziye,
ngenxa yobulungisa bakho ndihlangule ekuxinanisweni.
12Ngenxa yezibele zakho nceda uzinqamle iintshaba zam.
Batshabalalise abanditshutshisayo;
kaloku mna ndisisicaka sakho.
Who We AreWhat We EelieveWhat We Do
2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.