UHEZEKILE 15 - isiXhosa 1996

IJerusalem ngumdiliya ongenamsebenzi

1Ndeva ilizwi *likaNdikhoyo lisithi:

2“Mntundini, ngaba lubhetele ukhuni lomdiliya kunemithi yasehlathini?

3Kukho lutho lwenziwayo na ngokhuni lomdiliya? Ngaba kukhe kwenziwe izikhonkwane zokuxhoma ngalo?

4Ukuba lubasiwe lwavutha macala, lwarhawuka umongo, ngaba kusekho lutho lungenziwa ngalo?

5Xa belingenamsebenzi liselukhuni kubeka phi ke ngoku xa lurhawukile?

6“Ngako oko itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Kwimithi yehlathi ukhuni lwediliya ndilumisele ukuba lubaswe. Kuya kuba njalo nakubemi baseJerusalem.

7Ndiya kubachasa. Naxa sebephuma emlilweni basaya kutsha ngumlilo kwakhona. Xa sendibachasa baya kwazi ukuba ndinguNdikhoyo.

8Ndiya kuwubharhisa umhlaba kuba bengathembekanga, itsho iNkosi uNdikhoyo.”

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help