UISAYA 46 - isiXhosa 1996

Izithixo zeBhabheli

1“Namhlanje uBhele uthotyiwe; uNebho uwe bhaxa!

*Oothixo ebenikade nijikeleza nabo

namhlanje batyabula imiqolo yezilwanyana.

Ngenene baluxanduva lomthwalo.

2Nâzo izilwanyana zisiwa zivuka.

Akukho kusinda kuzo;

zithinjwa kunye nomthwalo wazo.

3“I-i-i-nzwi ke wena, ndlu kaYakobi!

Ndiphulaphuleni nina masalela endlu kaSirayeli,

nina endanixhasa kwasekukhawulweni kwenu,

ndaza ndanisingatha kwasekuzalweni kwenu.

4Noda niguge nibe ziingwevu

mna ndisengulowo unixhasayo.

Nenziwa ndim, ngoko ke ndonisingatha;

ewe, ndonigcina ndinihlangule.

5“Kodwa-kodwa ndolinganiswa nabani?

Ngubani na onjengam endinokufaniswa naye?

6Abantu bakhupha igolide engxoweni,

isiliva bayilinganisa esikalini,

basuke baqeshe ingcibi, ibenzele uthixo;

kamva ke basuka bee guqaqa bamnqule.

7Bambeka emagxeni, bamtyathe;

bambeke endaweni yakhe, eme bhuxe.

Kaloku yena lutiniko olungashukumiyo.

Udl' imu noba umntu uyazibika kuye;

akakwazi kuhlangula mntu ezingxakini.

8“Khumbulani le nto nizikise;

khaniyiguqu-guqule, nina bavukeli.

9Khanikhumbule iziganeko zamandulo,

nivume ukuba mna ndinguThixo;

ewe, akukho thixo ufana nam.

10Isiphelo ndasixela kwasekuqaleni;

kwamandulo ndazivakalisa izinto ezizayo.

Ndatsho ukuba icebo lam soze liwe,

koko ndokufezekisa oko ndikumisileyo.

11Mna ndibize umfo empumalanga;

sisitshu esiya kurhiwula njengokhetshe.

Yena woyifezekisa yonke injongo yam;

njengoko ndithethile kuya kuba njalo kanye.

12Phulaphulani, bantundini baneenkani,

nina banxaxhileyo elusindisweni.

13Umhla wosindiso wona ndiyawusondeza;

ngenene awukude kuya phi.

Ukusindisa kwam akuyi kulibazisa;

ewe, ndiza kuyihlangula iZiyon,

uSirayeli ndimzisele isidima nesithozela.”

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help