UHOSIYA 8 - isiXhosa 1996

USirayeli ugxekwa ngezithixo

1“Yitsho ngomtyangampo wesigodlo!

Nal' ixhalanga lirhiwula abantu *bakaNdikhoyo.

Kaloku bawaphule umnqophiso wam,

suka bawuvukela umthetho wam.

2Ewe, ngoku uSirayeli uyazibika kum;

uyandivuma esithi: ‘Thixo wam endimaziyo!’

3Ngokutshikilela kwakhe okulungileyo

uSirayeli wathiwa mbende lutshaba.

4Bazikhethele ookumkani ngaphandle kwam,

bamisa namaphakathi ndingakwazi oko.

Ngesiliva negolide yabo bazenzele izithixo;

nto leyo iyintshabalalo kubo.

5Mh-mh-mh, ndiyalenyanya ithole laseSamariya!

Ingqumbo yam iyavutha ngakubo;

koda kube nini benyhuku-nyhuku?

6Tholendini lenziwe yingcibi yakwaSirayeli!

Hayi, asiThixo le nto iyenzileyo.

Ngenene elo thole laseSamariya liya kuntlekeka libe ziingceba.

7“Bona bahlwayela umoya,

kanti bavuna isaqhwithi.

Ingqolowa ziziphunzi ezingathwalanga;

ngoko ke tu isivuno.

Enoba besingade sifumaneke

bezingafikayo iintlanga zizenzele.

8USirayeli uthiwe bimbilili.

Utshone phakathi kwezizwe;

unjengesitya ekungekho yaso mpela.

9Usuke wanyukela eAsiriya,

wanjengeqwarha elibhadulayo;

uEfrayim uzithengisile kwizithandwa zakhe.

10Angade aziqeshise, nditsho nakwiintlanga,

kodwa ndosuka ndimqokelele.

Phofu ke uya kuncipha,

ingcinezelo yokumkani imthi nca.

11KwaEfrayim andisiwe amaqonga –

nditsho awokungxengxezela isono.

Ngoku angamaqonga okwenza isono.

12Ndaba ngababhalela imithetho,

nayo ke ingembalwa iyintaphane,

suka nayo leyo bayikhaba,

bayithatha njengento yasemzini.

13Ewe, bona amadini bayandenzela;

inyama yona bajika bayitye.

*UNdikhoyo ke akanelisekanga ngabo,

engabulibalanga nobugwenxa babo.

Ewe, yena uza kubohlwaya;

baza kuphindela kwaseJiputa.

14USirayeli umlibele umenzi wakhe,

suka wazakhela amabhotwe.

UJuda wazandisa izixeko ezinqatyisiweyo –

zixeko ezo ndozithumela ngomlilo,

ulenye konke, nditsho nezo nqaba.”

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help