UISAYA 50 - isiXhosa 1996

Ukuthinjwa kungenxa yezono

1*UNdikhoyo uthethe wathi:

“Ùthi abantu bam ndabagxotha

okomfo esahlukana nomfazi wakhe?

Ziphi ke iincwadi zolo qhawukano?

Ngaba ndanithengisa kubani

njengomfo othengisa ngekhoboka lakhe?

Hayi kaloku, nathengiswa ngenxa yezono zenu;

nagxothwa wena nonyoko ngenxa yamatyala enu.

2Ndakufika akubangakho bani undamkelayo;

ndaba ngamemeza akwasabela mntu.

Ngaba imfutshane na ingalo yam?

Ngaba andinako na ukukukhulula?

Mhlawumbi makube andinamandla na ukuze ndikusindise?

Ndithi ndingakhalima lome qoko ulwandle,

imilambo itsho ibharhe,

iintlanzi zife kukunqaba kwamanzi;

yeka ke elo phunga!

3Isibhakabhaka ndisivathisa ngobumnyama,

amazulu anxibe ezokuzila.”

Intobeko yesicaka sikaNdikhoyo

4UMhlekazi *uNdikhoyo undazisile into emandiyithethe,

ukuze ndikhuthaze abo batyhafileyo.

Ntsasa zonke undivusa ndiphulaphule

njengalowo ufundiswayo.

5UMhlekazi uNdikhoyo undivule ingqiqo;

nam ke zange ndivukelane naye,

ngenene zange ndirhoxe kuye.

6Ndazinikezela kwabo bandibethayo,

kwabo banditsala-tsalayo, bencothula intshebe yam,

bephatha kunditshicela ebusweni bendinyelisa.

7Kaloku uMhlekazi uNdikhoyo uyandisiza;

ngoko ke andiyi kuhlazeka.

Ndikulungele ukunyamezela;

ewe, andisayi kudana.

8UThixo ondithethelelayo ukufuphi nam;

yena wosuka andigwebele.

Ngubani ke ongade andimangalele?

Makeze kaloku, siye enkundleni;

makachaze izityholo andibeka zona.

9Mna ndithethelelwa nguMhlekazi uNdikhoyo.

Ngubani ke onako ukundigweba?

Abandimangalelayo boguga njengengubo;

nabo baya kumemethwa ngamanundu.

10Ngoobani na abamnqula ngentlonelo uNdikhoyo,

abasiphulaphulayo isicaka sakhe?

Ofikelwa bubumnyama, ekude nokukhanya,

makathembele ngoNdikhoyo;

ewe, makakholose ngoThixo wakhe.

11Nina baphembi bamayelenqe,

isikhuni sobuya nomkhwezeli.

NguNdikhoyo oya kuyenza loo nto,

ke wena ufe ungcungcuthekile.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help