UJONA 3 - isiXhosa 1996

UJona uya eNiniva

1Liphinde lafika ilizwi *likaNdikhoyo kuJona, lisithi:

2“Hamba uye kweso sixekokazi siyiNiniva, ufike ushumayele olu daba ndikunike lona.”

3Ke uJona walithobela ilizwi likaNdikhoyo, waya eNiniva. INiniva le ibisisixeko esikhulu gqitha. Bekumthatha umntu iintsuku ezintathu ukuphumela kuyo.

4Ke kaloku uJona waluqala uhambo lwakhe kweso sixeko. Akuba ehambe imini yonke wadanduluka wathi: “Yoba ziintsuku ezimashumi mane kuphela, itshatyalaliswe iNiniva.”

5Abo bantu baseNiniva balwamkela olo daba lukaThixo. Ngoko ke bamisela inzila, baza bonke abantu, kuqalela komdala kuye komncinane, bavatha ezenzila.

6Akuyiva le nto ukumkani wakhona waphuma ebhotwe, umnweba wakhe wawuthi tya phaya, wanxiba ezenzila, wahlala eluthuthwini.

7Waza ke wakhupha isaziso esithi: “Nasi isaziso esigunyaziswe ngukumkani namaphakathi: Makuzilwe, kungabikho mntu okanye silwanyana ongcamla nantoni na, nditsho iinkomo nempahla emfutshane. Ewe, makungatyiwa nto, kungàselwa namanzi.

8Abantu nemfuyo mabavathe ezenzila. Bonke mabakhale kuThixo ngamandla, bahlukane neendlela zabo ezimbi nogonyamelo lwabo.

9Mhlawumbi uThixo angayijika ingqondo yakhe, abuye nganeno ngengqumbo yakhe, size ke thina singatshabalali.”

10Ke kaloku uThixo wasibona isenzo sabo nokwahlukana kwabo neendlela zabo ezimbi. Ngoko ke uThixo wayijika ingqondo yakhe, akabi sabatshabalalisa njengoko wayezimisele.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help