UISAYA 32 - isiXhosa 1996

Ukumkani ofezekileyo

1Woze afike ukumkani olawula ngolungelelwano,

izinxiba-mxhaka zitsho ziphathe ngemfezeko.

2Zonke ngazinye zoba ngumqolomba mhla ligquthayo,

zibe yinqaba yokuzimela mhla ngoqhwithela.

Zofana nemijelo yamanzi kwelibharhileyo,

zibe lithunzi lamawa kwilizwe eliyinkangala.

3Zona ziya kuba namehlo,

ziqonde iingxaki zoluntu.

Ziya kuba neendlebe,

zikuphulaphule ukuzibika kwabantu.

4Yoqonda nengqiqo yezityhuthu-tyhuthu,

nabathintithayo bathethe ngokucacileyo.

5Isiyatha akusayi kuthiwa ngohloniphekileyo;

neqhophololo akusayi kuthiwa ngonyanisekileyo.

6Kaloku isiyatha sitheth' ubuyatha,

nengqiqo yaso iqulunqa ubugwenxa.

Sizixakekise ngenkohliso;

*uNdikhoyo sihlala simcukuceza ngengcikivo.

Simshiya enjalo umntu othezwa liphango,

singamkhathalele nganto nokhotheke lunxano.

7Umntu oyindlavini nezenzo zakhe zinenkohlakalo;

uba soloko efutha ukwenza ububi,

ezama ukubhubhisa amahlwempu ngenkohliso,

khon' ukuze awavimbe amalungelo awo.

8Ke yena onesidima uneengcingane ezizimasekileyo,

nemisebenzi yakhe ingqinelana nento ayiyo.

Amaxesha entswelo nawendyebo

9Phakamani nindiphulaphule ke nani,

nditsho nina, zimazi zingaxhalele nto;

bekan' iindlebe nive xa ndithethayo,

nina zintombi ezingáthi zikhuselekile.

10Ningade nibe ngathi nanelisekile ngoku,

kodwa kozayo unyaka nongcungcutheka,

kuba idiliya yona yosuka iphunze,

singabikho tu isivuno seziqhamo.

11Xhalabani, zimazi ezihlala zingaxhalele nto;

hlahlambani, zintombi ezingenaluvalo;

khululani, nithi gatya ezenzila.

12Yho-o-o amasimi! Kwakhe kwanje phi na?

Awu! Sashiya senzeka ngeediliya!

13Gixani ngenxa yomhlaba wabantu bam,

kuba namhla sowugqunywe ngameva nobobo.

Hlahlambani ngenxa yamakhaya avuyayo;

ewe, silileleni isixeko esixokozelayo.

14Kaloku nekomkhulu lokhal' ibhungane,

nakwisixeko esinyakazelayo kuthi bhe!

Kwandlunkulu koba ngamabhodlo kanaphakade;

koba lapho adloba-dloba khona amaqwarha,

kube lapho itya khona imihlambi,

15ade uThixo asithululele uMoya wakhe,

nentlango itsho ifane nomyezo weziqhamo,

imiyezo yeziqhamo ifane namahlathi.

16Nasentlango kuya kuphuphuma ulungelelwano,

nemiyezo echumayo yambathiswe bubulungisa.

17Ke ubulungisa bozala inzolo,

ize ke ibe lulungelelwano nocwangco njalo-njalo.

18Ke abantu bam bothi zava bahlale ngenzolo

kwimizi ekhuselekileyo nephahlwe luxolo.

19Nokuba amahlathi ebhululwe sisichotho,

nesixeko sivuthuluke kwathi pam,

20yoba luvuyo kuye wonk' ubani,

ingengomanzi ingesosivuno, kuyinto nje,

amadlelo enabe ethe tshitshilili,

iidonki neenkomo zidakasa zikhuselekile.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help