UYOBI 35 - isiXhosa 1996

UElihu: Ùthetha amampunge

1UElihu uqhube wathi:

2“Ucinga ukuba bubulungisa na obu?

Kaloku uthi: ‘Ndiya kugwetyelwa nguThixo.’

3Kanti ubhekisa kuThixo usithi:

‘Khon' ukuba ndonile ke?

Kundinceda ngani ukungoni?’

4“Ke ngoku mna ndiza kukuphendula,

wena ngokunjalo nabahlobo bakho.

5Khawuqethuke ujonge amazulu,

uwabone la mafu aphezu kwakho.

6Noba uyona awumchukumisi nganto uThixo;

ewe, awumenzi nto noba ungade uphinda-phinde!

7Ukulungisa kwakho kumnceda ngantoni ke?

Ewe, uThixo akazuzi nto esandleni sakho.

8Ukona kwakho kuphazamisa kwa-abantu,

nokulungisa kwakho kunceda kwabona.

9“Abantu bayakhala ngenxa yobuninzi bengcinezelo;

balangazelela ukukhululeka kwisandla sabanamandla.

10Kodwa yinqaba ukubhenela kuThixo uMdali wabo

ozisa ithemba xa sukuba lixubayele.

11Nguye osinika ulwazi kunezilwanyana;

yena usenza silumke kuneentaka.

12Abantu noba sebekhala, uThixo akaphenduli,

kuba abakhohlakeleyo bathiwe lwale likratshi.

13Inene, uThixo akangeke awaphulaphule amampunge;

uSomandla akawasi so tu.

14Kunjalo maxa usithi akumboni uThixo,

usithi umcimbi wakho uphambi kwakhe,

usithi ulinde yena,

15naxa uthi uThixo akacaphuki ohlwaye,

usithi akasihoyi isono.

16Ke uYobi uthetha amampunge,

wenza umlembelele engenalwazi.”

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help