1Ndohlala ndimbonga *uNdikhoyo;
andisayi kuyeka ukumdumisa.
2Ndoqhayisa ngezinto andenzele zona uNdikhoyo,
batsho bavuye abo babandezelekileyo.
3Mbongeni uNdikhoyo, kunye nam;
masilidumise kunye igama lakhe.
4Ndazibika kuNdikhoyo waza wandiva,
wandikhulula kuko konke ukoyika kwam.
5Abacinezelweyo bathembela kuNdikhoyo, bagcobe;
ewe, abasayi kuze badakumbe bona.
6Lwazibika udwayi, waluva uNdikhoyo,
walukhupha kuzo zonke iinkxwaleko zalo.
7Bonke abahlonela uNdikhoyo isithunywa sakhe siyabakhusela, sibahlangule.
8Khanibuxhamle ububele bukaNdikhoyo;
ngenene unoyolo umntu othembela ngoNdikhoyo!
9Mhloneleni uNdikhoyo, nina milowo yakwakhe,
kuba abayi kuswela nto abo bamhlonelayo.
10Neengonyama ziyaswela zilambe,
kodwa abo bamfunayo uNdikhoyo akukho nto intle bayiswelayo.
11Yizani, lusatshana; ndiphulaphuleni;
ndonifundisa ukuhlonela uNdikhoyo.
12Lowo unga angadla ubomi, abe nenkqubela,
lowo unga angafumana imihla emnandi,
13makazilumle ekuthetheni kakubi,
ayeke ukuthetha ubuxoki;
14makahlukane nobubi, enze okulungileyo;
makaphuthume uxolo, ahlale kulo.
15Kaloku uNdikhoyo uwalusile amalungisa,
uyayiva imithandazo yawo;
16kodwa ubafulathele abenzi bobubi,
abaphanzise bangabi sakhunjulwa emhlabeni.
17Uyaweva amalungisa akuzibika kuye,
awakhulule kuzo zonke iinzima zawo.
18UNdikhoyo ukufuphi nĂ¢bo badakumbileyo,
ebaphakamisa abo baphelelwe lithemba.
19Zininzi iingxaki ezivelela ilungisa,
kodwa uyalikhulula kuzo zonke uNdikhoyo;
20uwagcina onke amathambo alo,
kungaphuki nalinye kuwo.
21Abantw' abagwenxa bobulawa ngobubi babo,
bagwetywe abo balithiyayo ilungisa.
22UNdikhoyo wozihlangula izicaka zakhe;
bonke abakholose ngaye abayi kugwetywa.
Who We AreWhat We EelieveWhat We Do
2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.