IINDUMISO 34 - isiXhosa 1996

Umthandazo wokubulela izibele zikaNdikhoyoUmhobe kaDavide xa wayezenza igeza phambi kuka-Abhimeleki owathi wamgxotha wemka.

1Ndohlala ndimbonga *uNdikhoyo;

andisayi kuyeka ukumdumisa.

2Ndoqhayisa ngezinto andenzele zona uNdikhoyo,

batsho bavuye abo babandezelekileyo.

3Mbongeni uNdikhoyo, kunye nam;

masilidumise kunye igama lakhe.

4Ndazibika kuNdikhoyo waza wandiva,

wandikhulula kuko konke ukoyika kwam.

5Abacinezelweyo bathembela kuNdikhoyo, bagcobe;

ewe, abasayi kuze badakumbe bona.

6Lwazibika udwayi, waluva uNdikhoyo,

walukhupha kuzo zonke iinkxwaleko zalo.

7Bonke abahlonela uNdikhoyo isithunywa sakhe siyabakhusela, sibahlangule.

8Khanibuxhamle ububele bukaNdikhoyo;

ngenene unoyolo umntu othembela ngoNdikhoyo!

9Mhloneleni uNdikhoyo, nina milowo yakwakhe,

kuba abayi kuswela nto abo bamhlonelayo.

10Neengonyama ziyaswela zilambe,

kodwa abo bamfunayo uNdikhoyo akukho nto intle bayiswelayo.

11Yizani, lusatshana; ndiphulaphuleni;

ndonifundisa ukuhlonela uNdikhoyo.

12Lowo unga angadla ubomi, abe nenkqubela,

lowo unga angafumana imihla emnandi,

13makazilumle ekuthetheni kakubi,

ayeke ukuthetha ubuxoki;

14makahlukane nobubi, enze okulungileyo;

makaphuthume uxolo, ahlale kulo.

15Kaloku uNdikhoyo uwalusile amalungisa,

uyayiva imithandazo yawo;

16kodwa ubafulathele abenzi bobubi,

abaphanzise bangabi sakhunjulwa emhlabeni.

17Uyaweva amalungisa akuzibika kuye,

awakhulule kuzo zonke iinzima zawo.

18UNdikhoyo ukufuphi nĂ¢bo badakumbileyo,

ebaphakamisa abo baphelelwe lithemba.

19Zininzi iingxaki ezivelela ilungisa,

kodwa uyalikhulula kuzo zonke uNdikhoyo;

20uwagcina onke amathambo alo,

kungaphuki nalinye kuwo.

21Abantw' abagwenxa bobulawa ngobubi babo,

bagwetywe abo balithiyayo ilungisa.

22UNdikhoyo wozihlangula izicaka zakhe;

bonke abakholose ngaye abayi kugwetywa.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help