1 KAYOHANE 1 - isiXhosa 1996

ULizwi uSobomi

1Ndibhala ndinibalisela ngoLizwi uSobomi, owayekho kwasekuqaleni. Sasithetha naye, simbona ngamehlo, simbukela, sigudlana naye ngamacala.

2Uthe akuvela sambona. Yiyo ke le nto ndinibaliselayo ngaye, ndinixelela ngaye uSobomi owayehleli ekho kunye noYise kwasekuqaleni, node wabonakala nakuthi.

3Nani ke sinixelela ngesimbonileyo, sathetha naye, khon' ukuze nani nibuxhamle nathi ubudlelane esinabo kunye noYise noNyana wakhe uYesu Krestu.

4Le ncwadi ke ndinibhalela ukuze sonwabe ngokupheleleyo sonke.

UThixo ukukukhanya

5Nalu ke udaba endaluva ngoNyana kaThixo, nendinixelela lona: UThixo ukukukhanya; abukho konke kuye ubumnyama.

6Xa ke sithi sinobudlelane noThixo, kodwa sibe sihleli ebumnyameni, sithetha ubuxoki, nezenzo zethu azingqinelani nenyaniso.

7Kodwa ke ukuba sihleli ekukhanyeni njengaye uThixo, siba nobudlelane. Ke lona igazi likaYesu uNyana wakhe lisihlambulula kuso sonke isono.

8Xa sithi asinasono siyazikhohlisa, asinanyani mpela.

9Kodwa ke, ukuba siyazivuma izono zethu, uThixo uthembekile, ulilungisa; wosixolela izono zethu, asihlambulule kuko konke ukungalungisi.

10Kanti xa sithi asizange sone, simenza ixoki uThixo, yaye nelizwi lakhe alikho kuthi.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help