1Ndiphendule ndakukhala kuwe,
Thixo, mlondolozi wamalungelo am!
Wandikhulula embandezelweni yam;
yiba nenceba ke ngoko, uwuve umthandazo wam.
2Bantundini, koda kube nini na nindihlazisa?
koda kube nini nithand' ilize, niphuthaphuth' ubuxoki?
3Yazini ke ukuba *uNdikhoyo uyabathand' abantu bakhe;
uyandiva xa ndizibika kuye.
4Xa niqumbileyo, ze ningoni;
loo nto yetyiseni nithe cwaka kwiimandlalo zenu.
5Menzeleni amadini alungileyo,
nikholose ngaye uNdikhoyo.
6Baninzi abalangazelela okulungileyo.
Ndikhoyo, sikhangele ngobubele,
7usiphe ukuchulumacha okudlula okwâbo
bakufumana ngomdliva wengqolowa newayini.
8Ndiya kuphumla ngenzolo, ndilale;
nguwe kuphela kaloku, Ndikhoyo, ondinqabisayo.
Who We AreWhat We EelieveWhat We Do
2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.