IINDUMISO 4 - isiXhosa 1996

Umthandazo wokucela uncedo ngokuhlwaUmhobe kaDavide; kumbhexeshi-kwayara; uphelekwa ngeentambula.

1Ndiphendule ndakukhala kuwe,

Thixo, mlondolozi wamalungelo am!

Wandikhulula embandezelweni yam;

yiba nenceba ke ngoko, uwuve umthandazo wam.

2Bantundini, koda kube nini na nindihlazisa?

koda kube nini nithand' ilize, niphuthaphuth' ubuxoki?

3Yazini ke ukuba *uNdikhoyo uyabathand' abantu bakhe;

uyandiva xa ndizibika kuye.

4Xa niqumbileyo, ze ningoni;

loo nto yetyiseni nithe cwaka kwiimandlalo zenu.

5Menzeleni amadini alungileyo,

nikholose ngaye uNdikhoyo.

6Baninzi abalangazelela okulungileyo.

Ndikhoyo, sikhangele ngobubele,

7usiphe ukuchulumacha okudlula okwâbo

bakufumana ngomdliva wengqolowa newayini.

8Ndiya kuphumla ngenzolo, ndilale;

nguwe kuphela kaloku, Ndikhoyo, ondinqabisayo.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help