EYASENTLANGO 34 - isiXhosa 1996

Imida yelizwe laseKanana

1*UNdikhoyo wanika uMosis

2le miyalelo, wathi makayigqithisele kumaSirayeli, athi: “Nantsi ke imida yelizwe laseKanana endinipha lona.

3Umda wangezantsi uya kusuka kwintlango iZin, ubhijele kumda wase-Edom. Ngasempuma uya kuthatha kumazantsi oLwandle oluFileyo,

4uhle ujonge kwinkalo yeAkrabhim, utyhutyhumeze ungene eZin, uyokuthi gaa ngeKadeshe-bhaneya. Ukuphuma apho uya kujonga emantla-ntshona, uye eHazare-adare, uphumele eAzemon,

5apho uya kujika, ujonge kwiintili zemida yeJiputa, uyokuma ngolwandle olukhulu.

6“Ngasentshona umda uya kuba lulwandle olukhulu.

7“Ngasentla umda uya kusuka kulwandle olukhulu, uye kurheca intaba iHore,

8uye kuthi xhaxhe kwinkalo yeHamati; uze ke uye kurheca iZedada

9neZifron, uye kuthi gaa ngeHazare-enan.

10“Owasempuma uya kuphuma eHazare-enan, uye kuthi xhaxhe ngeShefam.

11Uya kuhla uye eRibhela kwimpuma yeAyin, utyhutyhumeze kwiinduli ezikwimpuma yonxweme loLwandle lwaseGalili;

12uze ke wenjenjeya ukuhla ngomlambo iJordan, uye kuthi gaa ngoLwandle oluFileyo.

“Yomine ke le yimida yelizwe lenu.”

13UMosis ke waxelela amaSirayeli, wathi: “Nâlo ke ilizwe eniza kulizuza *ngamaqashiso, ilizwe elabelwe izindlu ezilithoba ezinesiqingatha *nguNdikhoyo.

14-15Ke zona izindlu zikaRubhen, uGadi, kunye nesiqingatha sikaManase, zisifumene isabelo sazo ngokwemizi yazo ngaphesheya kwimpuma yeJordan malunga neJeriko.”

Iinjoli zomhlaba

16*UNdikhoyo wayalela uMosis, wathi:

17“Umbingeleli uElazare noYoshuwa unyana kaNune ngabo abaya kwabela amaSirayeli umhlaba.

18Ngokunjalo ke khetha inkokheli ibe nye kwindlu nganye bancedise.

19-28Nanga ke amagama eenkokheli ezo:

Indlu

Inkokheli

KwaJuda

uKalebhi unyana kaJefune

KwaSimon

uShemuweli unyana ka-Amihudi

KwaBhenjamin

uElidade unyana kaKiselon

KwaDan

uBhuki unyana kaJogeli

KwaManase kaJosefu

uHaniyeli unyana kaEfodi

KwaEfrayim kaJosefu

uKemuweli unyana kaShiftan

KwaZebhulon

uElizafan unyana kaParnaki

KwaIsakare

uPaltiyeli unyana ka-Azana

Kwa-Ashere

uAbhihudi unyana kaShelomi

KwaNafetali

uPedayeli unyana ka-Amihudi.”

29Nango ke amadoda âmiswa nguNdikhoyo ukuba abele amaSirayeli umhlaba kwelaseKanana.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help