EYASENTLANGO 2 - isiXhosa 1996

AmaSirayeli ngezindlu zawo

1Nantsi imiyalelo eyanikwa uMosis noAron *nguNdikhoyo:

2“Kolu hambo lwenu apho nimisa khona hlalani ngolu hlobo: Indoda nganye mayime kummandla wembasa yakowayo phantsi kwentshinga kayise. Ukuma kwawo amaSirayeli makajikeleze isibingelelo.

3-9“Kwicala lasempuma kuya kuma abembasa yendlu kaJuda ngokwemizi yabo, bephantsi kweenkulu zabo, ngolu hlobo:

Indlu

Inkulu

Inani

AbakwaJuda

uNashon ka-Aminadabhi

74 600

AbakwaIsakare

uNataniyeli kaZuware

54 400

AbakwaZebhulon

uEliyabhi kaHelon

57 400

Bebonke:

186 400

“AbakwaJuda ke baya kusuka kuqala.

10-16“Kwicala langasezantsi kuya kuma abembasa yendlu kaRubhen ngokwemizi yabo, bephantsi kweenkulu zabo, ngolu hlobo:

Indlu

Inkulu

Inani

AbakwaRubhen

uElizure kaShedeyure

46 500

AbakwaSimon

uShelumiyeli kaZurishadayi

59 300

AbakwaGadi

uEliyasafu kaDuweli

45 650

Bebonke:

151 450

“AbakwaRubhen ke baya kulandela.

17“Ke bona abakwaLevi baya kuhamba bephethe intente *yesibingelelo. Baya kuhamba phakathi embindini wezi zindlu xa zizonke. Onke amaqela aya kuhamba kwangalaa ndlela abemi ngayo, iqela ngalinye phantsi kwembasa yalo.

18-24“Kwicala lasentshona kuya kuma abembasa yendlu kaEfrayim ngokwemizi yabo, bephantsi kweenkulu zabo, ngolu hlobo:

Indlu

Inkulu

Inani

AbakwaEfrayim

uElishama ka-Amihudi

40 500

AbakwaManase

uGamaliyeli kaPedazure

32 200

AbakwaBhenjamin

uAbhidan kaGidiyoni

35 400

Bebonke:

108 100

“Kolo ludwe ke abakwaEfrayim boba ngabesithathu.

25-31“Kwicala langasentla kuya kuma abembasa yendlu kaDan ngokwemizi yabo, bephantsi kweenkulu zabo, ngolu hlobo:

Indlu

Inkulu

Inani

AbakwaDan

uAhizere ka-Amishadayi

62 700

Abakwa-Ashere

uPagiyeli kaOkran

41 500

AbakwaNafetali

uAhira kaEnan

53 400

Bebonke:

157 600

“Kolu ludwe ke bona abakwaDan baya kuba ngumsila.”

32Lilonke ke inani lamaSirayeli âbhalisáyo apho kuloo maqela laba ngamakhulu amathandathu anantathu amawaka anamakhulu amahlanu namashumi amahlanu.

33Ngokomlomo kaNdikhoyo kuMosis bona abaLevi abakho kweli nani lamaSirayeli.

34Ngoko ke amaSirayeli yonke into ayenza ngokwelizwi likaNdikhoyo kuMosis. Ayesima ngokweembasa zawo, aze ahambe ngokwemizi yawo.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help