1Nantsi imiyalelo eyanikwa uMosis noAron *nguNdikhoyo:
2“Kolu hambo lwenu apho nimisa khona hlalani ngolu hlobo: Indoda nganye mayime kummandla wembasa yakowayo phantsi kwentshinga kayise. Ukuma kwawo amaSirayeli makajikeleze isibingelelo.
3-9“Kwicala lasempuma kuya kuma abembasa yendlu kaJuda ngokwemizi yabo, bephantsi kweenkulu zabo, ngolu hlobo:
Indlu
Inkulu
Inani
AbakwaJuda
uNashon ka-Aminadabhi
74 600
AbakwaIsakare
uNataniyeli kaZuware
54 400
AbakwaZebhulon
uEliyabhi kaHelon
57 400
Bebonke:
186 400
“AbakwaJuda ke baya kusuka kuqala.
10-16“Kwicala langasezantsi kuya kuma abembasa yendlu kaRubhen ngokwemizi yabo, bephantsi kweenkulu zabo, ngolu hlobo:
Indlu
Inkulu
Inani
AbakwaRubhen
uElizure kaShedeyure
46 500
AbakwaSimon
uShelumiyeli kaZurishadayi
59 300
AbakwaGadi
uEliyasafu kaDuweli
45 650
Bebonke:
151 450
“AbakwaRubhen ke baya kulandela.
17“Ke bona abakwaLevi baya kuhamba bephethe intente *yesibingelelo. Baya kuhamba phakathi embindini wezi zindlu xa zizonke. Onke amaqela aya kuhamba kwangalaa ndlela abemi ngayo, iqela ngalinye phantsi kwembasa yalo.
18-24“Kwicala lasentshona kuya kuma abembasa yendlu kaEfrayim ngokwemizi yabo, bephantsi kweenkulu zabo, ngolu hlobo:
Indlu
Inkulu
Inani
AbakwaEfrayim
uElishama ka-Amihudi
40 500
AbakwaManase
uGamaliyeli kaPedazure
32 200
AbakwaBhenjamin
uAbhidan kaGidiyoni
35 400
Bebonke:
108 100
“Kolo ludwe ke abakwaEfrayim boba ngabesithathu.
25-31“Kwicala langasentla kuya kuma abembasa yendlu kaDan ngokwemizi yabo, bephantsi kweenkulu zabo, ngolu hlobo:
Indlu
Inkulu
Inani
AbakwaDan
uAhizere ka-Amishadayi
62 700
Abakwa-Ashere
uPagiyeli kaOkran
41 500
AbakwaNafetali
uAhira kaEnan
53 400
Bebonke:
157 600
“Kolu ludwe ke bona abakwaDan baya kuba ngumsila.”
32Lilonke ke inani lamaSirayeli âbhalisáyo apho kuloo maqela laba ngamakhulu amathandathu anantathu amawaka anamakhulu amahlanu namashumi amahlanu.
33Ngokomlomo kaNdikhoyo kuMosis bona abaLevi abakho kweli nani lamaSirayeli.
34Ngoko ke amaSirayeli yonke into ayenza ngokwelizwi likaNdikhoyo kuMosis. Ayesima ngokweembasa zawo, aze ahambe ngokwemizi yawo.
Who We AreWhat We EelieveWhat We Do
2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.