2 KUTIMOTI 3 - isiXhosa 1996

Imihla yokugqibela

1Kucace mhlophe ukuba imihla yokugqibela iya kuba ngamaxesha anzima.

2Abantu baya kuba ngabathandi beziqu zabo, bathande imali, bezigwagwisa, bengoozwi-labo. Baya kunyelisa, bangathobeli bazali, bengabuleli, beluchasa unqulo,

3bengenabuntu, bengaxoleli mntu, behleba. Baya kuba nengcwangu, beziindlobongela, bayithiye into elungileyo.

4Baya kuba ngabangcatshi, bafane benze, benekratshi. Baya kuthanda iziyolo kunoThixo.

5Baya kulwamkela unqulo ngembonakalo, kodwa bewaphika amandla alo. Ke wena uze ungahambi nabantu abanjalo.

6Abanye babo bahamba bechwechwela imizi, bexhaphaza abafazi abangenazimilo, ababotshwe zizono zabo, beluthuzeliswa ziinkanuko.

7Aba ke bahlala befunda, kodwa abaze bafikelele ekuyazini inyaniso.

8Abantu abanje bayayichasa inyaniso kwanjengokuba uJanes noJambres bamchasayo uMosis. Aba bantu abakwazi ukuqiqa, futhi ukholo lwabo luphuthile.

9Abasoze bahambele ndawo, kuba ububhanxa babo buya kubonakala nakubani na kwanjengokuba kwaba njalo nakubachasi bakaMosis.

Isiyalo

10Kodwa ke wena, nyana wam, uze uhambe rhoqo ekhondweni lam, ngeemfundiso, ngokuziphatha, ngeenjongo, ngokholo, ngomonde, nangothando, nangokunyamezela

11ngexesha leentshutshiso, nasebunzimeni. Izinto ezandihlelayo eAntiyokwe, eIkoniyo, naseListra, uyazi ukuba ndazithwala, iNkosi indihlangula kuzo zonke.

12Kambe intshutshiso yomfikela nawuphi na umKrestu ofuna ukuhlala esoyika iNkosi.

13Kodwa zona izikhohlakali nezikrelemnqa ziya kuqhuba zisuka ebubini ziye kobungaphezulu ububi, zihamba zikhohlisa, zikhohliswa nazo.

14Ke wena yayamana rhoqo neenyaniso ozifundileyo waqinisekiswa ngazo. Khumbula ukuba uzifunde kubani na.

15Khumbula ukuba kwausengumntwana waqhelaniswa *neziBhalo eziNgcwele ezikunika ubulumko, khon' ukuze usindiswe ngokukholwa kuKrestu Yesu.

16Sonke isibhalo sinefuthe loMoya kaThixo. Siyanceda ekufundiseni inyaniso nokuchitha imposiso. Siyanceda ukulungisa isimilo, sinike ingqeqesho;

17ukuze lowo uzinikele kuThixo abe namandla okuwuphumeza nawuphi na umsebenzi omhle.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help