IINDUMISO 142 - isiXhosa 1996

Ukucela uncedoUmthandazo kaDavide xa wayesemqolombeni.

1Ndiyabhomboloza, ndizibika *kuNdikhoyo;

ndiyahlahlamba, ndibhenela kuNdikhoyo.

2Ndiphokoza isikhalo sam phambi kwakhe;

ndimbikela zonke iingxaki zam.

3Ndakuba ndidakumbile yena uyayazi imeko yam.

Iintshaba zindithiyisela endleleni yam.

4Ndakukhangela ngasekunene, akakho ozidubayo ngam;

ayikho indawo yokuzimela,

kungekho namntu undikhathaleleyo.

5Ndibhenela kuwe, Ndikhoyo;

kaloku wena uyinqaba yam,

nguwe ibango lam kweli lizwe.

6Sibazele iindlebe isikhalo sam,

kuba kaloku ndixhwalekile.

Ndihlangule kwabo banditshutshisayo;

kaloku bona bomelele kunam.

7Ndikhulule kula makhamandela,

ukuze ndilibonge igama lakho.

Amalungisa aya kundiphahla,

kuba wena undithamsanqele.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help