IINDUMISO 97 - isiXhosa 1996

UThixo ulawula konke

1Ngukumkani *uNdikhoyo, uyalawula;

malichwayite ke ngoko ihlabathi, nani ziqithi vuyani!

2Ugqubuthele ngentshinyela yelifu,

nesithokothoko sobumnyama simsithile;

ngukumkani ogweba kakuhle, ngobulungisa.

3Kulephuz' umlilo ngaphambi kwakhe,

uzitshise macal' onke iintshaba zakhe.

4Imibane yakhe imenyezela kutsho kukhany' ehlabathini;

batsho bangcangcazele kukoyika bakuyibon' abemi balo.

5Zitsho zinyibilik' iintaba phambi koNdikhoyo, zixel' umthwebeba;

nditheth' ingangalala yehlabathi liphela.

6Sibonakalis' ubulungisa bakhe isibhakabhaka,

ze zonk' iintlanga ziluqond' udumo lwakhe.

7Bahlala bedana bonk' abanqula imifanekiso;

nditshw' abo baqhayisa ngemifanekiso eqingqiweyo;

kuba zonk' *izithixo zikhahlela kuNdikhoyo.

8Beva, bavuya abantu baseZiyon,

nezixeko zakwaJuda zachwayita,

ngenxa yezigqibo zakho, Thixo.

9Kuba wena, Ndikhoyo, uyingangalal' ehlabathini;

uyingqonyela yazo zonke izithixo.

10Nina bamthandayo uNdikhoyo, buthiyeni ububi;

kaloku yena uyabagcina abantu bakhe,

abahlangule esandleni sabantw' abakhohlakeleyo.

11Ilitha lokukhanya lithe thaa phezu kwamalungisa;

banemincili abantw' abantliziyo zinyulu.

12Gcobani nonke malungisa,

nibulel' uNdikhoyo ngezintw' ezintl' anenzele zona.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help