UISAYA 55 - isiXhosa 1996

Inceba kaThixo sisisa

1*UNdikhoyo unimema esenjenje:

“Yizani nonke nina ninxaniweyo;

yizani xa ninonke, nanga amanzi.

Yizani nonke, nabo bangenamali;

thengani, naku ukutya nitye.

Yizani nizenzele kwiwayini nobisi;

xa iyonke loo nto sisimahla.

2Sanukuchitha imali ngento engahluthisiyo.

Ngani ukuba nibulaleke ninganeli noko?

Ndiphulaphuleni nize nindithobele,

khon' ukuze nixhamle ubuncwane obanelisayo.

3Bekani indlebe, nize kum;

phulaphulani, nixhamle ubomi.

Ndonenzela umnqophiso waphakade,

ndiniphathe ngezibele endazithembisa uDavide,

4endammiselayo waba lingqina lam ezizweni,

inkokheli nomlawuli ezintlangeni.

5Ngoku niya kumema iintlanga eningazaziyo;

izizwe ezinganaziyo ziya kunilangazelela

ngenxa kaNdikhoyo uThixo wenu.

Lowo ke nguYedwa kaSirayeli.

Kaloku yena unithe jize ngesihomo.”

6Funani uNdikhoyo esenokufumaneka;

bhenelani kuye ngoku asekufutshane.

7Umntu okhohlakeleyo makahlukane nobubi,

netshijolo maliyeke ukuyila ubutshijolo.

Maliguquke, lize kuNdikhoyo;

yena wosuka abe novelwano lilo.

Malize kuThixo wethu,

kuba yena uxolela kangangoko.

8“Kaloku ingcinga zam azifani nezenu,

neendlela zenu azifani nezam,”

utsho yena uNdikhoyo!

9“Njengokuphakama kwezulu emhlabeni

ziphakamile neendlela zam kunezenu,

kanti ke zikwanjalo neengcinga zam.

10Ilizwi lam nqwa nekhephu nemvula:

ziphuma esibhakabhakeni,

kanti ke azigoduki ngaphandle kokumanzisa umhlaba,

zikhulise izityalo,

umlimi zimnike imbewu,

olambileyo zimnike ukutya.

11Likwanjalo ke nelizwi endilithethayo:

alibuyi lilambatha,

koko liyawufezekisa umnqweno wam,

liliqaqambise icebo lam.

12Nophuma nimemelela ngovuyo,

nihambe ningumngcelele owonwabileyo.

Iintaba neenduli phakathi kwenu

zosuka zingqokole zitsho ngengoma,

amahlathi nemithi atsho ngentswahla luvuyo.

13Endaweni yomqaqoba kovela imipayini,

kukhule imetlani endaweni yobobo.

Loo nto ke yoba ludumo lukaNdikhoyo –

umqondiso ongasoz' uthini!”

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help