IINDUMISO 14 - isiXhosa 1996

Abakhohlakeleyo(Ndum 53)Umhobe kaDavide; kumbhexeshi-kwayara.

1Iziyatha zithi akukho Thixo ngandawo.

Zonakele, futhi zenza amasikizi;

akukho ulungisayo kuzo.

2Ke yena *uNdikhoyo ubabukele abantu;

uhlel' ezulwini efuna ukuqonda

ukuba ngaba sikho na isilumko,

nditsho ofuna ukunqula uThixo.

3Kambe ke bonke bemkile,

xa bebonke bonakele;

kuba akakho olungisayo,

nditsho nokuba abe mnye.

4Abanangqondo na abakhohlakeleyo;

abo baxhaphaza amawethu, ngathi batya isonka,

bangamnquliyo nokumnqula uNdikhoyo?

5Baya kunkwantya benkwantyile,

kuba uThixo ukunye nĂ¢bo bamthobeleyo.

6Nangona aminxwayo amacebo osizana,

nguNdikhoyo olixhadi lalo.

7Akwaba ingavela eZiyon inkululeko yamaSirayeli,

akuba uNdikhoyo eyibuyisile inkqubela yabantu bakhe.

AbakwaYakobi baya kugcoba;

ewe, ochulumacha amaSirayeli.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help