1*Ndikhoyo, ndiyazibika kuwe;
ndikhala kuwe ndibindekile.
2Awu, Nkosi, ndive ndiyakuthandaza,
usiphulaphule isikhungo sam.
3Ukuba ubuzigcina izono zabantu, Ndikhoyo,
ngubani obengasindayo?
4Kambe ke wena uyaxolela,
khon' ukuze uhlonitshwe.
5Ndithembele ngokupheleleyo kuNdikhoyo;
ewe, ndikholosa ngelizwi lakhe.
6Umoya wam ukholosa ngoNdikhoyo ngenzondelelo,
ngaphezu komlindi ojonge ukusa,
nangaphezu komantshingilane ojong' umsobomvu.
7Sirayeli, thembela kuNdikhoyo, kuba yena unobubele,
futhi yena ukhulula ngokupheleleyo.
8Ewe, yena uya kumkhulula uSirayeli
kuzo zonke izono zakhe.
Who We AreWhat We EelieveWhat We Do
2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.