1Mhla wagqiba uMosis ukumisela *isibingelelo, wasithambisa, wasinikezela, sona nezixhobo zaso ndawonye neqonga lamadini nokwalo.
2Zaza iinkokheli zezindlu zakwaSirayeli, kwaezo zazongamele ubalo,
3zezisa iminikelo yazo esibingelelweni *kuNdikhoyo. Yaba ziinqwelo ezintandathu ezineetentyi neenkabi zeenkomo ezilishumi elinambini. Iinkokheli zadibana ngenqwelo ngambini, yaza yayileyo yakhupha inkabi yenkomo.
Zakuba zizinikele ke,
4uNdikhoyo wathi kuMosis:
5“Ezi zipho zamkele ze zisetyenziswe esibingelelweni. Zigqithisele kubaLevi ngokwemisebenzi abajongene nayo.”
6Ngoko ke uMosis wathatha ezo nqwelo kwakunye neenkabi ezo, wazinika abaLevi.
7AbakwaGershon wabanika iinqwelo zambini neenkabi ezine.
8Bona abakwaMerari wabanika iinqwelo zane kunye nesibhozo seenkabi. Umsebezi wabo babeza kuwenza bekhokelwa nguItamare unyana ka-Aron.
9AbakwaKohati bona uMosis akabanikanga zinqwelo nazinkabi, kuba kaloku bona izinto ezingcwele ababeziphatha babezithwala emagxeni.
10Kananjalo iinkokheli zezisa neminikelo yokubhiyozela ukunikezelwa kweqonga lamadini.
11Kaloku uNdikhoyo wathi kuMosis: “Zixelele iinkokheli ezo ukuba mazithathe ithuba elingangeentsuku ezilishumi elinambini, inkokheli nganye inikela izipho zayo ngosuku ngalunye, kulo mbhiyozo wokunikezelwa kweqonga lamadini.”
12-83Ezo zipho ke zanikezelwa ngolu hlobo:
Usuku
Indlu
Inkulu
Lokuqala
kaJuda
uNashon ka-Aminadabhi
Lwesibini
kaIsakare
uNataniyeli kaZuware
Lwesithathu
kaZebhulon
uEliyabhi kaHelon
Lwesine
kaRubhen
uElizure kaShedeyure
Lwesihlanu
kaSimon
uShelumiyeli kaZurishadayi
Lwesithandathu
kaGadi
uEliyasafu kaDuweli
Lwesixhenxe
kaEfrayim
uElishama ka-Amihudi
Lwesibhozo
kaManase
uGamaliyeli kaPedazure
Lwesithoba
kaBhenjamin
uAbhidan kaGidiyoni
Lweshumi
kaDan
uAhiyezere ka-Amisha-dayi
Lweshumi linanye
ka-Ashere
uPagiyeli kaOkran
Lweshumi linambini
kaNafetali
uAhira kaEnan
Xa zizonke ke zezisa izipho ezifanayo ngolu hlobo: isitya sesiliva esibunzima buyikhilogram enesiqingatha, nesitya segazi lokutshiza sesiliva esibunzima bungamakhulu asibhozo eegram ngokomlinganiselo ovunyiweyo, zozibini zizele ngumgubo oxutywe namafutha wokwenza idini leenkozo; isityana segolide esibunzima buziigram ezilikhulu elineshumi sizele sisiqhumiso; inkunzana yenkomo, inkunzi yegusha, nexhwane, zokwenza idini elitshiswayo; inkunzi yebhokhwe yedini lesono; neenkabi zeenkomo ezimbini, iinkunzi zeegusha ezintlanu, isihlanu seebhokhwe, namaxhwane amahlanu, zedini lobudlelwane.
84-88Ke zizonke izipho ezeziswa zezi nkokheli kumsebenzi wokunikezelwa kweqonga zazimi ngolu hlobo:
Yayingamashumi amabini anane ezitya zesiliva ezibunzima buziikhilogram ezimashumi mabini anesixhenxe namakhulu amathandathu eegram;
ishumi elinambini lezityana zegolide ezibunzima buyikhilogram enamakhulu amathathu namashumi amabini eegram zizele sisiqhumiso;
ishumi elinambini leenkunzi zeenkomo, ishumi elinambini leenkunzi zeegusha, ishumi elinambini lamaxhwane, ngokunjalo nomnikelo weenkozo wedini elitshiswayo;
ishumi elinambini leebhokhwe zedini lesono;
amashumi amabini anesine eenkunzi zeenkomo, namashumi amathandathu eenkunzi zeegusha, amashumi amathandathu eebhokhwe, namashumi amathandathu amaxhwane, okwenza idini lobudlelwana.
89UMosis wathi akungena esibingelelweni wathetha noNdikhoyo owavakala ethetha phezu kwesivalo setyesi enobungqina bomnqophiso phakathi kwezo *zithunywa zimaphiko.
Who We AreWhat We EelieveWhat We Do
2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.