1Ke kaloku kwathi amaSirayeli eselapho kwintlango yeSinayi *uNdikhoyo wathetha noMosis *esesibingelelweni. Lo ke yayingumhla wokuqala wenyanga yesibini kunyaka wesibini amaSirayeli andulukayo eJiputa. Wamyalela wenjenje:
2-3“Wena noAron yenzani ubalo, niwabale onke amaSirayeli ngokwezindlu nemizi yawo. Ewe, balani onke amadoda ayintanga yokuphuma aye emfazweni, oko kukuthi lawo akumashumi amabini eminyaka nangaphezulu.
4Kwindlu nganye thathani inkulu inincedise.”
5-15Nanga ke amagama ezo nkulu zakhethelwa lo msebenzi:
Indlu
Inkulu
KwaRubhen
uElizure kaShedeyure
KwaSimon
uShelumiyeli kaZurishadayi
KwaJuda
uNashon ka-Aminadabhi
KwaIsakare
uNataniyeli kaZuware
KwaZebhulon
uEliyabhi kaHelon
KwaEfrayim (kaJosefu)
uElishama ka-Amihudi
KwaManase (kaJosefu)
uGamaliyeli kaPedazure
KwaBhenjamin
uAbhidan kaGidiyoni
KwaDan
uAhiyezere ka-Amishadayi
Kwa-Ashere
uPagiyeli kaOkran
KwaGadi
uEliyasafu kaDuweli
KwaNafetali
uAhira kaEnan
16Ngawo ke la amadoda âkhethwáyo ebandleni beziinkulu zezindlu zakowawo, izindlu zakwaSirayeli ukutsho.
17UMosis noAron ke benala madoda
18bawaqokelela onke amaSirayeli ngomhla wokuqala kwinyanga yesibini, baza bawabala ngokwezindlu nemizi yawo. Bawabhalisa bawabala onke amadoda akumashumi amabini eminyaka nangaphezulu
19ngokomlomo kaNdikhoyo kuMosis. Le nto ke yenzeka kwintlango yeSinayi.
20-46Ke kaloku onke amadoda ayintanga yokuya emfazweni, lawo aneminyaka emashumi mabini nangaphezulu, abhaliswa ngokwezindlu nemizi yawo, kuqalelwa kwaRubhen inkulu kaSirayeli.
Ngokwamanani kwindlu nganye ayemi ngolu hlobo:
Indlu
Inani
KwaRubhen
46 500
KwaSimon
59 300
KwaGadi
45 650
KwaJuda
74 600
KwaIsakare
54 400
KwaZebhulon
57 400
KwaEfrayim kaJosefu
40 500
KwaManase kaJosefu
32 200
KwaBhenjamin
35 400
KwaDan
62 700
Kwa-Ashere
41 500
KwaNafetali
53 400
Bebonke:
603 550
47Yona indlu yakwaLevi zange ibalwe,
48kuba uNdikhoyo wayemyalile uMosis wathi:
49“Xa ubala amadoda afanele imfazwe uze ungababandakanyi abaLevi.
50Ndaweni yaloo nto bona uze ubamisele umsebenzi wesibingelelo. Kuya kuxhomekeka kubo ukufuduswa kwesibingelelo ndawonye nomsebenzi waso. Futhi ke apho simise khona siya kungqongwa kwangabo.
51Nanini na nifuduka, isibingelelo sona siya kuxhomekeka kubaLevi. Ngabo abaya kusichitha xa nindulukayo, baze baphinde basakhe apho nimise khona. Ngoko ke umntu ongomnye osondela esibingelelweni makabulawe.
52Amanye amaSirayeli la aya kuma ngokwezindlu zawo, amathile ephantsi kwembasa yawo.
53Ke bona abaLevi ukuma kwabo baya kuphahla isibingelelo esiqulethe ubungqina bomnqophiso, basaluse, khon' ukuze kungabikho bani usondelayo kuso, avusele amaSirayeli umsindo wam.”
54Ngenene ke amaSirayeli enza ngokomyalelo kaNdikhoyo kuMosis.
Who We AreWhat We EelieveWhat We Do
2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.