EYASENTLANGO 1 - isiXhosa 1996

Ubalo lokuqala eSinayi

1Ke kaloku kwathi amaSirayeli eselapho kwintlango yeSinayi *uNdikhoyo wathetha noMosis *esesibingelelweni. Lo ke yayingumhla wokuqala wenyanga yesibini kunyaka wesibini amaSirayeli andulukayo eJiputa. Wamyalela wenjenje:

2-3“Wena noAron yenzani ubalo, niwabale onke amaSirayeli ngokwezindlu nemizi yawo. Ewe, balani onke amadoda ayintanga yokuphuma aye emfazweni, oko kukuthi lawo akumashumi amabini eminyaka nangaphezulu.

4Kwindlu nganye thathani inkulu inincedise.”

5-15Nanga ke amagama ezo nkulu zakhethelwa lo msebenzi:

Indlu

Inkulu

KwaRubhen

uElizure kaShedeyure

KwaSimon

uShelumiyeli kaZurishadayi

KwaJuda

uNashon ka-Aminadabhi

KwaIsakare

uNataniyeli kaZuware

KwaZebhulon

uEliyabhi kaHelon

KwaEfrayim (kaJosefu)

uElishama ka-Amihudi

KwaManase (kaJosefu)

uGamaliyeli kaPedazure

KwaBhenjamin

uAbhidan kaGidiyoni

KwaDan

uAhiyezere ka-Amishadayi

Kwa-Ashere

uPagiyeli kaOkran

KwaGadi

uEliyasafu kaDuweli

KwaNafetali

uAhira kaEnan

16Ngawo ke la amadoda âkhethwáyo ebandleni beziinkulu zezindlu zakowawo, izindlu zakwaSirayeli ukutsho.

17UMosis noAron ke benala madoda

18bawaqokelela onke amaSirayeli ngomhla wokuqala kwinyanga yesibini, baza bawabala ngokwezindlu nemizi yawo. Bawabhalisa bawabala onke amadoda akumashumi amabini eminyaka nangaphezulu

19ngokomlomo kaNdikhoyo kuMosis. Le nto ke yenzeka kwintlango yeSinayi.

20-46Ke kaloku onke amadoda ayintanga yokuya emfazweni, lawo aneminyaka emashumi mabini nangaphezulu, abhaliswa ngokwezindlu nemizi yawo, kuqalelwa kwaRubhen inkulu kaSirayeli.

Ngokwamanani kwindlu nganye ayemi ngolu hlobo:

Indlu

Inani

KwaRubhen

46 500

KwaSimon

59 300

KwaGadi

45 650

KwaJuda

74 600

KwaIsakare

54 400

KwaZebhulon

57 400

KwaEfrayim kaJosefu

40 500

KwaManase kaJosefu

32 200

KwaBhenjamin

35 400

KwaDan

62 700

Kwa-Ashere

41 500

KwaNafetali

53 400

Bebonke:

603 550

47Yona indlu yakwaLevi zange ibalwe,

48kuba uNdikhoyo wayemyalile uMosis wathi:

49“Xa ubala amadoda afanele imfazwe uze ungababandakanyi abaLevi.

50Ndaweni yaloo nto bona uze ubamisele umsebenzi wesibingelelo. Kuya kuxhomekeka kubo ukufuduswa kwesibingelelo ndawonye nomsebenzi waso. Futhi ke apho simise khona siya kungqongwa kwangabo.

51Nanini na nifuduka, isibingelelo sona siya kuxhomekeka kubaLevi. Ngabo abaya kusichitha xa nindulukayo, baze baphinde basakhe apho nimise khona. Ngoko ke umntu ongomnye osondela esibingelelweni makabulawe.

52Amanye amaSirayeli la aya kuma ngokwezindlu zawo, amathile ephantsi kwembasa yawo.

53Ke bona abaLevi ukuma kwabo baya kuphahla isibingelelo esiqulethe ubungqina bomnqophiso, basaluse, khon' ukuze kungabikho bani usondelayo kuso, avusele amaSirayeli umsindo wam.”

54Ngenene ke amaSirayeli enza ngokomyalelo kaNdikhoyo kuMosis.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help