IINKOKHELI 10 - isiXhosa 1996

UTola

1Emva koAbhimeleki amaSirayeli akhululwa nguTola unyana kaPuwa umzukulwana kaDodo. Yena wayengowendlu kaIsakare, emi eShamire kweleentaba kwaEfrayim.

2Wayeyinkokheli kwaSirayeli iminyaka engamashumi amabini nantathu. Akusweleka wangcwatyelwa eShamire.

UJayire

3Emva koTola kwalandela uJayire waseGiliyadi. Wayeyinkokheli kwaSirayeli amashumi amabini anambini eminyaka.

4Wayenoonyana abangamashumi amathathu, bonke bekhwele iidonki. Babenezixeko ezimashumi mathathu kwelo laseGiliyadi; nangoku ke kusathiwa ziidolophu zikaJayire.

5UJayire wasweleka, waza wangcwatywa eKamon.

UJefta

6Kwakhona amaSirayeli aphinda amona *uNdikhoyo ngokusuka akhonze ooBhali nooAshtarte, ngokunjalo nezithixo zamaSiriya, amaSidon, ezamaMowabhi, ama-Amon, namaFilistiya. Amfulathela, ayeka ukumkhonza uNdikhoyo.

7Ngoko ke wavutha ngumsindo uNdikhoyo, amaSirayeli wawayekela oyiswa ngamaFilistiya nama-Amon.

8Yaba yiminyaka esibhozo ezi zizwe ziwatshutshisa ziwacinezela amaSirayeli awayehlala phesheya kweJordan eGiliyadi kwelama-Amori.

9Ama-Amon ada ayiwela iJordan, ahlasela kwelakwaJuda, kwaBhenjamin, nakwaEfrayim. AmaSirayeli ayekwenkulu inkxwaleko.

10AmaSirayeli ke ada azibika kuNdikhoyo, athi: “Sikonile; sisuke sakufulathela, wena Thixo wethu, sanqula ooBhali.”

11UNdikhoyo wawaphendula wenjenje: “Nangaphambili koku amaJiputa, ama-Amori, ama-Amon, amaFilistiya,

12amaSidon, ama-Amaleki, namaMawoni, anicinezela, naza nazibika kum. Andithi na kanene ndanihlangula kuwo?

13Nakuba kunjalo naphinda nandishiya, nakhonza thixo bambi; ngoko ke ngoku unakanye ukuba ndiphinde ndinihlangule.

14Hambani niye kuzibika kwabo thixo nizikhethela bona. Mabanihlangule kaloku nakungena ezingxakini.”

15AmaSirayeli ke athi kuNdikhoyo: “Siyasivuma isono sethu. Yenza kuthi ngokubona kwakho; kambe ke nceda usihlangule namhlanje.”

16Asuke ke amaSirayeli abalahla oothixo basemzini, akhonza uNdikhoyo; waza ke yena wahlabeka ngenxa yokubandezeleka kwamaSirayeli.

17Ke ama-Amon axhobela imfazwe, aza ahlanganisana eGiliyadi. Ke wona amaSirayeli ahlanganisana aza emisa eMizpa.

18Ke kaloku amadoda amakhulu aseGiliyadi afakana imilomo esithi: “Ngaba ngubani oza kusikhokela silwe nala ma-Amon? Lowo uya kuba yintloko yethu sonke apha eGiliyadi.”

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help