1*UNdikhoyo ungukumkani;
uthe wambu isihomo nesithozela namandla.
Ewe, ulimise zinzi ihlabathi, aligungqi.
2Isihlalo sakho, Ndikhoyo,
sasekwa kwantlandlolo;
wena wawukho kwanini-nini.
3Iyagquma imilambo, Ndikhoyo,
ivakalisa isandi sayo;
iyavakala imigqumo yayo.
4UNdikhoyo yingangalala yaphezulu;
unamandla kunamaza alephuzayo,
nangaphezu kwamaza agqumayo.
5Imiqondiso yakho ayiguquki, Ndikhoyo;
iyingcwele ngenene indlu yakho, Ndikhoyo,
kuya kuda kube nini-nini.
Who We AreWhat We EelieveWhat We Do
2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.