UISAYA 4 - isiXhosa 1996

1Ke kaloku abafazi abasixhenxe bobambelela ndodeni-nye, bathi: “Sinako ukuzixhasa ngokutya nempahla yokunxiba; kambe ke into esiyicelayo kukuba sibizwe ngegama lakho, ukuze siphume ehlazweni.”

Ikamva leJerusalem

2Ngelo xesha ke ihlumelo eliveliswe *nguNdikhoyo liya kukhula ligabadele libe lihle gqitha. Ke imveliso yomhlaba iya kuba ligugu nebhongo kuloo maSirayeli asindileyo.

3Elo qaqobana labantu abachongwe nguThixo basala eJerusalem bokwaziwa ngokuba ngabantu bakaThixo ncakasana.

4Kaloku iNkosi iya kukuhlambulula ukungcola kwabafazi baseZiyon, iligutyule negazi eliphalele eJerusalem, nto leyo iya kuyenza ngoMoya wayo ogwebayo, uMoya wayo ovuthayo.

5Intaba iZiyon nabo bonke abakuyo uNdikhoyo uya kubagubungela ngelifu alidalileyo elirhuqayo emini, aze ngokuhlwa abakhanyisele ngedangatye eliqaqambileyo. Ewe, uThixo isixeko eso uya kusisitha asikhusele ngobungangamsha bakhe.

6Ngenene isixeko esi siya kuba semthunzini ngexa lasemini, sibe yinqaba sikhuseleke ezimvuleni nakwiinkqwithela.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help