IINDUMISO 83 - isiXhosa 1996

Umthandazo wokuba amaSirayeli oyiseUmhobe oculwayo ka-Asafu.

1Awu, Thixo, ungathini ukuthi cwaka?

Ngani ukuba wonwabe, Thixo?

2Nâzo iintshaba zakho zikuvukela.

Nâbo abakuthiyileyo bephithizela.

3Ewe, babenzela amayelenqe abantu bakho;

badibene ngabo abo ubakhuselayo.

4Bathi: “Yizani sisibhangise esi sizwe,

uSirayeli angabi sakhunjulwa.”

5Kaloku bona bathetha nto-nye,

bevana ngawe ngegobe.

6Nditsho amaEdom namaIshmayeli,

amaMowabhi kunye namaHagare,

7amaGebhali, ama-Amoni, nama-Amaleki,

amaFilistiya nabemi baseTire.

8Angenelele nama-Asiriya,

bebonke bancedisana nenzala kaLothe.

9Khawubafumanise esamaMidiyan

ngomhla kaSisera noJabhin entlanjeni iKishon,

10abatshabalela e-Endore,

banyhashwa batsho bangumgquba.

11Iinjengele zabo zifanise no-Orebhe noZebhe;

amatshawe abo wanyhashe njengoZebha noZalmuna.

12Kaloku bona bafuna ukuwohlutha

umhlaba wabantu olibango likaThixo.

13Thixo wam, baphephethe njengothuli,

babe njengomququ ophetshethwa ngumoya.

14Mabatshayelwe okwehlathi lilenywa ngumlilo,

okweentaba zibhuqwa ngumlilo.

15Ewe, yiba sisitshu emva kwabo,

barhwaqelise ngesaqhwithi.

16Mabambatshe bade banyoshoze,

ukuze badane bakulangazelele, *Ndikhoyo.

17Baswantsulise, bahlale bengcungcutheka;

ewe, mabafele ehlazweni.

18Mabavume ukuba nguwe wedwa onguNdikhoyo,

uPhezukonke obhijel' ihlabathi jikelele.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help