IINDUMISO 10 - isiXhosa 1996

Ukucela uncedo

1Yini na, *Ndikhoyo? Wachasela?

Kutheni? Wazifihla ngexesha longxunguphalo?

2Abantw' abagwenxa banolunya;

bayabaleqa ababuthathaka.

Mabarhintyelwe kwangaloo mayelenqe abo.

3Bayazidla ngaloo magugwana abo,

bazicengezele konempumelelo,

bamdele uNdikhoyo.

4Libathe lwale ikratshi abantw' abagwenxa;

bade bazikhohlise ngokuthi: “Akukho Thixo ngandawo!”

5Zinempumelelo zonk' iinzame zabo,

kodwa imiyalelo yakho ikude lee kubo.

Bayazeya zonke iintshaba zabo.

6Baziqhayisa ngokuthi abasoze boyiswe nto bona,

abasoze balibone ishwangusha.

7Umlomo wabo mbi, uzel' izishwabulo, ubuxoki, nezisongelo;

basoloko beceba ububi nobutshinga.

8Bahamba bencathama ngezindlu ezixekweni,

bezungul' ukugwint' abantw' abangenatyala,

balalel' abantw' abangenakuzikhusela.

9Bazimel' engontsini, baxel' ingonyama,

ilalel' ixhoba elingumnt' oludwayi;

xhakamfu bambambise ngomgibe wabo!

10Nal' olo sizana lungen' esigwini lusoyisakala.

11Bathi xa bezikhohlisa: “UThixo akakhathali;

akahoyanga nto; akasoz' aqonde.”

12Lamla, Ndikhoyo; caca ukuba unguThixo!

Sukubalibal' abantw' abahlelelekileyo!

13Kungani bekudela nje abantw' abagwenxa?

Kutheni le nto bade bathi: “Akukho nt' aya kuyenza loo Thixo”?

14Ewe, wena uzijongile wazibona iintlupheko neentsizi,

khon' ukuze ulungele ukusisiza.

Ewe, zibalekela kuwe nazo iindwayi,

wena ongumncedi weenkedama.

15Zaphul' iimpondo ke izikrelemnqa nabantw' abagwenxa;

bohlwaye ide iphele nya inkohlakalo yabo.

16Ngukumkani uNdikhoyo kuya kude kube nini-nini.

Zobhanga ziphele nya emhlabeni iintshaba zakhe.

17Ndikhoyo, uyaziva izicelo zabantw' abathobekileyo;

uyabavuselela, uziphendule izicelo zabo.

18Iinkedama nabacinezelweyo uyabaqwebela,

khon' ukuze oonyana babantu bangagrogrisi mntu ehlabathini.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help