UYOSHUWA 5 - isiXhosa 1996

1Zonke iikumkani zama-Amori ngasentshonalanga kweJordan, nazo zonke ezamaKanana ezigudle ulwandle, zeva ngesiganeko esenziwa nguNdikhoyo sokomisa iJordan ada awela onke amaSirayeli. Zankwantya, zaphelelwa ngamandla ngenxa yamaSirayeli.

Ulwaluko eGiligali

2Ngelo xesha *uNdikhoyo wathi kuYoshuwa: “Sebenzisa iintshengeca zelitye lenyengane, uwaluse amaSirayeli angolukanga.”

3Wenjenjalo ke uYoshuwa, wawalusela endaweni ekuthiwa yiNduli yeNyama yoKwaluswa.

4-6Ukumka kwamaSirayeli eJiputa onke amakhwenkwe ayesele alukile. Kodwa ke kuthe ngenxa yokubhadula entlango amashumi amane eminyaka akwabikho thuba lakwalusa nkwenkwe. Kanti ke onke amadoda ayeselekwixabiso lokuya emfazweni ukufuduka kwabo eJiputa ayeselebhubhile ngenxa yokungamthobeli uNdikhoyo. Njengoko watshoyo kooyise-mkhulu uNdikhoyo akazange awavumele alibone ilizwe laseKanana eliphuphuma ubisi nobusi.

7Oonyana uNdikhoyo awabakhulisa endaweni yooyise ngabo aba awabalusayo ngoku uYoshuwa, kuba kaloku babengazange boluka.

8Akuba alusiwe ke onke, ahlala esikhululweni ada aphila loo madoda.

9UNdikhoyo wathi kuYoshuwa: “Namhlanje ndilisusile kuni ihlazo lokuba ngamakhoboka aseJiputa.” Yiyo ke loo nto loo ndawo kwathiwa ukubizwa kwayo yiGiligali, igama esabizwa ngalo.

10Ngexesha amaSirayeli ayeseseGiligali entilini yaseJeriko, enza umsitho *wePasika ngokuhlwa komhla weshumi elinesine waloo nyanga.

11Ngomhla olandelayo ayeqala ukutya ukutya kwaseKanana, agcada ingqolowa, enza nezonka ezingenagwele.

12*Imana yaphela ngengomso, akaphinda ayifumana amaSirayeli, aza ngaloo nyaka atya ukutya okuveliswe yiKanana.

UYoshuwa nomfo ophethe ikrele

13Xa wayeselapho ngaseJeriko uYoshuwa, wagagana nomfo ophethe ikrele. Waya kuye uYoshuwa, wafika wathi: “Ngaba ungakuthi, okanye ulutshaba?”

14“Nakanye, ndikho nje mna ndiyingqwayi-ngqwayi yomkhosi *kaNdikhoyo,” utshilo lo mfo.

Wazikhahlela phantsi uYoshuwa, wathi: “Mhlekazi, mna ke ndisisicaka sakho; ufuna ndenze ntoni?”

15Yathi loo ngqwayi-ngqwayi yomkhosi kaNdikhoyo: “Khulula iimbadada zakho ezo. Lo mhlaba umi kuwo ngumhlaba ongcwele.” Wenjenjalo ke uYoshuwa.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help