2 KWABASEKORINTE 10 - isiXhosa 1996

UPawulos ukhusela umsebenzi wakhe

1Ndim, mna Pawulos ngenkqu, onibongozayo, nakuba kusithiwa ndinobulali ndithantamisa xa ndilapho phakathi kwenu, kodwa ndithi ndakuba ndisithele ndibe nesibindi nobuganga ngakuni. Ndiyanicenga ke, ngenxa yokuthantamisa nobubele bukaKrestu:

2musani ukundinyanzela ukuba ndibe nesibindi nobuganga ndakuba ndifikile apho kuni; kuba ke ndiyaqonda ukuba ndinganabo ubuganga kwabo bandityhola ngokuthi ndiqhutywa lifuthe labantu beli hlabathi.

3Kuyinene kona ukuba sihleli apha ehlabathini; kodwa ke asilwi ngokwehlabathi.

4Kaloku izixhobo esilwa ngazo ayizizo ezehlabathi, koko zizikrweqe ezomeleleyo zikaThixo. Ngazo ke sidiliza iinqaba. Ewe, sichitha iingxoxo ezilahlekisayo;

5sidiliza ngazo yonke imiqobo yamabhongo achasa ukuba abantu bamazi uThixo; sithimba zonke iingcamango, sizenze zithobele uKrestu.

6Xa nani ke seniyibonakalisile ngokupheleleyo neyenu intobeko, soba nako ke ukulungela ukohlwaya yonke inkcaso.

7Izinto zijongeni njengokuba zinjalo. Ngaba ukho na apho phakathi kwenu ozimisele ukuba ungokaKrestu yena? Lowo ke makazikise ukucinga, kuba nathi singabakaKrestu kwanjengaye.

8Kuba andinazintloni, nokuba lingade libe lithe kratya iqhayiya lam ngegunya esalinikwa yiNkosi. Ligunya lokunakha, asililo elokunidiliza.

9Iileta zam sanukuzithatha ngokungathi ndizama ukunigrogrisa ngazo.

10Kaloku abanye bathi: “Unesibindi nobuganga xa ebhala, kodwa asakufika yena buqu, ulitatasholo, nokuthetha kwakhe kuphuthile.”

11Abo batshoyo mabaqonde le ndawo: ukufika kwam apho ndiya kwenza kwangale ndlela ndithetha ngayo xa ningekhoyo.

12Ngenene, thina asingeze sazilinganisa nabo baziphakamisayo. Bazizityhakala! Bazilinganisa nabo ngokwabo, besebenzisa imigangatho abayimise kwangokwabo!

13Okwethu ke ukuqhayisa kuphantsi kwemida ethile. Akudluli kwimida yokusebenza esiyimiselwe nguThixo, ebandakanya nokusebenza kwethu phakathi kwenu.

14Njengoko ke nani nikwakuloo mida, andiyitsibanga ke ngokuza kuni ndiniphathele iindaba ezimnandi ezingoKrestu.

15Ngoko ke andiqhayisi ngomsebenzi owenziwe ngabanye ngaphaya kwemida endiyimiselwe nguThixo. Ndaweni yaloo nto, ndinethemba lokuba lwakukhula ukholo lwenu, ndiya kuba nako ukwenza umsebenzi ongaphezulu phakathi kwenu, ndisoloko ndikwimida endiyimiselwe nguThixo.

16Kamva ke ndoba nako ukuzishumayela iindaba ezimnandi kumazwe angaphaya kwenu, ukuze ndingaqhayisi ngomsebenzi osewenziwe kwimida yomnye umntu.

17Kodwa ke, njengoko zitshoyo *iziBhalo: “Nabani na othanda ukuqhayisa, makaqhayise ngento eyenziwe yiNkosi.”

18Kaloku umntu owamkelekileyo ngulowo unconywa yiNkosi, ingenguye ozincoma ngokwakhe.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help