EYONQULO 17 - isiXhosa 1996

Indawo emakuxhelelwe kuyo

1*UNdikhoyo wathi uMosis

2makagqithisele le mimiselo kuAron nakoonyana bakhe nakumaSirayeli ephela:

3-4UmSirayeli oxhela inkomo nokuba yigusha nokuba yibhokhwe, eyixhelela elalini okanye nakuyiphi na enye indawo, waphula umthetho xa loo nto angayenzeli ngasesangweni *lesibingelelo. Umntu ongawuthobelanga lo mmiselo wofana nomntu ophalaze igazi, yaye uya kusikwa kumaSirayeli.

5Intsingiselo yalo mthetho kukuba amaSirayeli awazise kuNdikhoyo loo madini ebekade ewaxhelela naphi na. Onke amadini makaziswe kumbingeleli ngasesangweni lesibingelelo, abe ngamadini obudlelane.

6Umbingeleli uya kutshiza ngegazi elo kumacala onke eqonga ekungeneni kwesibingelelo, aze amanqatha awatshise enzele uNdikhoyo ivumba elimyoli.

7AmaSirayeli makangaphindi anganyaniseki kuNdikhoyo ngokuxhelela naphi na, esenzela iindimoni amadini. Esi sithethe amaSirayeli makangaze asityeshele.

8UmSirayeli okanye umngeneleli othe wenzela uNdikhoyo idini elitshiswayo, okanye naliphi na elinye idini,

9ongalenzelanga uNdikhoyo ngasesangweni lesibingelelo, loo mntu kufuneka asikwe ebantwini bakaThixo.

Ukuxabiseka kwegazi

10UmSirayeli okanye umngeneleli othe watya inyama yento engophanga, *uNdikhoyo womfulathela, angabi nabudlelane naye.

11Igazi bubomi bayo nayiphi na into ephilayo. Yiyo ke loo nto uNdikhoyo ayalela ukuba kungxengxezelwe ngalo izono zabantu eqongeni. Igazi libubomi, licamagushela izono.

12Yiyo ke loo nto uNdikhoyo athe amaSirayeli nabangeneleli maze bangayityi inyama yento engophanga.

13Xa kukho umSirayeli okanye umngeneleli othe wazingela wabamba inyamakazi okanye intaka etyiwayo, kufuneka igazi layo alivuzisele emhlabeni, aze aligqumelele ngomhlaba.

14Kaloku igazi libubomi bayo yonke into ephilayo. Kungenxa yoko ke uNdikhoyo athe kumaSirayeli makangayityi inyama yento engophanga, yaye nabani na oyityayo uya kusikwa ebantwini bakaThixo.

15UmSirayeli okanye umngeneleli othe watya inyama yento efileyo, okanye ebulewe ngamarhamncwa, kufuneka ahlambe iimpahla, ahlambe nomzimba, alinde kutshone ilanga, ukuze uphele *umlaza.

16Ukuba akayenzi loo nto, aze aqonde ukuba isala-kutyelwa sibona ngolophu.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help