IZAFOBE 9 - isiXhosa 1996

Isimemo sobulumko

1Ubulumko buyakhile indlu yabo,

bayenzela iintsika ezisixhenxe.

2Ubulumko buxhelile, bayixuba newayini;

kwaye netafile sebuyidekile.

3Buthume izicakazana ukuba zime ezindulini,

zazise apho edolophini, zithi:

4“Yizani nonke, nina bangaqondiyo.”

Kanti ke kwabaswele ukuqonda buthi:

5“Ngenani nitye ukutya endikulungisileyo,

nisele newayini endiyixubileyo.

6Lahlani ubuyatha, khon' ukuze niphile;

hambani ngendlela yeengqondi.

7“Othethisa umgxeki uzibizela ukuthukwa;

okhalimela isikhohlakali udibana nokunyeliswa.

8Sukuziduba ngokululeka umgxeki kuba wosuka akucaphukele;

kambe ke wakululeka isilumko sitsho sikuhloniphe.

9Wakusifundisa isilumko sitsho silumke ngaphezulu.

Ukuba uyalicebisa ilungisa litsho longeze ulutho kulwazi lwalo.

10“Isiseko sobulumko kukuthobela *uNdikhoyo;

umntu omaziyo oyiNgcwele kanye uzuza ingqiqo.

11Mna bulumko ndoyenza ibe mininzi imihla yakho,

ndiyongeze iminyaka yobomi bakho.

12Xa usisilumko woncedwa bubulumko bakho;

kanti xa ungumgxeki iya kuba nguwe kanye ohluphekayo.”

Isimemo sobudenge

13Umfazi onguNobudenge usoloko engxola;

yindlavinikazi engazi nto.

14Uthanda ukuhlala emnyango endlwini yakhe

okanye kwiindawo eziphezulu edolophini,

15ufike selemana ekhwaza abantu abadlula ngendlela,

behamba bexakeke yimicimbi yabo,

16esithi: “Yizani apha nonke, nina bangaqondiyo!”

Kwabaswele ukuqonda uthi:

17“Akamnandi ngako amanzi abiweyo!

Kanti ke nokutya okutyiwa ekufihlekeni kokona kunencasa.”

18Abamphulaphulayo abaqondi ukuba kukufa okubalindele apho;

abazi ukuba abo bakhe bamtyelela xa kungokunje bakwelabafileyo.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help