IINDUMISO 81 - isiXhosa 1996

Ingoma yethekoKumbhexeshi-kwayara; umhobe ka-Asafu; uvunywa njengalowa wamaGati.

1Dandulukani ngovuyo, nibonge uThixo osikhuselayo;

memelelani nidumise uThixo kaYakobi.

2Hlabelani nitsho ngohadi;

dlobani ngoncuthu lweehapu neekatala.

3Vuthelani ixilongo ukuthwasa kwenyanga,

nasekuhlanganeni kwenyanga mhla ngetheko.

4Kaloku lowo ngummiselo wakwaSirayeli,

lisiko loThixo kaYakobi.

5Walenza langummiselo kwaSirayeli,

mhla wahlasela elamaJiputa.

Ndiva ilizwi endingaliqondiyo, lisithi:

6“Ndawothula umthwalo owawusemagxeni enu,

zaxibilika iingobozi ezandleni.

7Nakhala ngomhla wengxingongo, ndanihlangula;

ndaniphendula ndingabonakali ndisezindudumeni;

ndanivavanya emthonjeni waseMeribha.

8“Ndathi sigqaleni isilumkiso sam, bantu bam;

Sirayeli, akwaba ubuya kundiva!

9Ze ningamnquli *uthixo wesinye isizwe;

ongomnye eningamaziyo ze ningamnquli.

10Ndim mna *Ndikhoyo uThixo wenu

owanikhuphayo kwelamaJiputa;

khamisani, mna ndiza kunifunza.

11“Phi ke! Abantu bam zange baphulaphule;

abafunanga nokuva oku ngam.

12Ndaza ke ndabayekela kwezo nkani zabo,

ukuze benze ngokuthanda kwabo.

13Ngamana nandiphulaphula, bantu bam;

akwaba ubungandithobela, Sirayeli.

14Bendingazigeqayo iintshaba zakho;

ewe, bendiya kuzinyhasha iintshaba zakho.

15Abamthiyileyo uNdikhoyo bebeya kushwabana,

isigwebo sabo sibe ngumlibe.

16Bendiya kunondla ngeyona-yona ngqolowa,

ndinanelise ngobusi obupholileyo.”

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help