IINDUMISO 28 - isiXhosa 1996

Ukucela uncedoUmhobe kaDavide.

1Ndizibika kuwe, *Ndikhoyo, xhadi lam;

musa ukuzenza isithulu, hleze ndifane nabeyel' emhadini xa uthe cwaka.

2Live ilizwi lam xa ndizibika,

xa izandla zam ndiziphakamisela kuwe ebhotwe.

3Uzungandisingeli phantsi kunye nabantw' abagwenxa,

abantw' abenza okungcolileyo,

abathetha kamnandi nabamelwane, kanti bagush' ububi.

4Babuyekeze ngokwemisebenzi yabo,

ubohlwaye ngenxa yenkohlakalo yabo.

Bavuze ngokwezintw' abazenzayo,

bafumane loo nto ibafaneleyo.

5Ngenxa yokuba bengayinanzi imisebenzi kaNdikhoyo,

kwakunye nezintw' azenzileyo,

yena wobabhubhisa baphele kuthi tu,

bangaze babuye bavuke.

6Makabongwe uNdikhoyo,

kuba ukuvile ukutarhuzisa kwam.

7NguNdikhoyo amandla am nekhaka lam;

ndithembele ngaye ngomxhelo wam wonke.

Ndoncedakala nditsho ndibe nemincili,

ndimbonge ngengoma.

8NguNdikhoyo obomelezayo abantu bakhe;

nguye omkhuselayo nomsindisayo umthanjiswa wakhe.

9Basindise abantu bakho, Ndikhoyo;

lithamsanqelise ilifa lakho.

Baluse, ubathwale ngoku kude kube nini-nini.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help