UHOSIYA 9 - isiXhosa 1996

Ukugwetywa kukaSirayeli

1Musa ukonwaba, Sirayeli;

ewe, sukuvuya njengezinye izizwe.

Kaloku wena umphambile uThixo wakho;

wena usuke wamfulathela.

Uthe phithi yimali yokuzithengisa

kuzo zonke izanda zokubhula.

2Izanda nezixovulelo aziyi kuvelisa nto,

newayini entsha yosuka inqongophale.

3Awuzukuhlala kulo mhlaba *kaNdikhoyo.

Ewe, úza kuphindela eJiputa uEfrayim;

uya kutya ukutya okunomlaza eAsiriya.

4Ewe, uNdikhoyo abayi kumenzela iminikelo yewayini;

ayiyi kumanelisa iminikelo yabo.

Kubo lo mnikelo wofana nesonka sabazili –

abawutyileyo baya kuba nomlaza.

Ukutya kwabo kolungela bona kuphela –

akuyi kunikelwa kwindlu kaNdikhoyo.

5Hee, niya kwenza ntoni ke ngemihla yemibhiyozo emisiweyo,

ngomhla wetheko likaNdikhoyo?

6Xa bangasindiyo ekutshatyalalisweni

iJiputa yofika yona ibaqokelele,

ke yena uMemfisi abangcwabe.

Ubutyebi besiliva buya kukhulelwa lukhula,

imizi yabo ibhijelwe yimithana enameva.

7Iyeza imihla yesohlwayo –

nditsho imihla yembuyekezo –

noSirayeli ke uza kuqonda.

Umshumayeli ngumlindi

Ngenxa yokwanda kobugwenxa benu,

nobunzulu bentiyo yenu,

*umshumayeli nithi sisityhakala,

umntu onefuthe likaMoya uphambene.

8Umshumayeli ngumlindi kaEfrayim,

bantu abo bangaboThixo wam,

kodwa ubekelwa izabatha,

kuliwe naye endlwini yoThixo wakhe.

9Ewe, bonakele ngokungathethekiyo;

kunjengaloo mihla yaseGibheya.

UThixo akabulibalanga ubugwenxa babo,

yaye ke uza kubohlwaya

ngenxa yezono zabo.

Isono sikaSirayeli neziqhamo zaso

10Ndathi mhla ndamfumana uSirayeli

kwanga ndibhaqe iidiliya entlango;

mhla ndabafumana ookhokho benu

yaba ngathi ndibhaqe amakhiwane,

makhiwane ke alulibo.

Bathe bakufika eBhali-pehore

suka bazinikela kuBhali,

baza bagqwaliseka njengaye kum.

11Udumo lukaEfrayim lothi shwaka,

luntinge lumke njengentaka.

Akukho mfazi uya kukhulelwa;

ewe, akukho mfazi uya kubeleka.

12Naxa benabo abantwana abakhulayo

ndobatshayela kuthi tu.

Mawo-o-o! Yeka mhla ndabafulathela!

13Ndambona uEfrayim enjengeTire,

emi kwisithabazi somhlaba.

Kambe abantwana bakhe baya kuzingelwa,

bona boba zizisulu zokubulawa.

14Azi ndothini na *kuNdikhoyo?

Mandithi banike ntoni na kodwa?

Izizalo ezingaphathi nto;

amabele awomileyo.

15Ngenxa yezono abazenza eGiligali

mna ndatsho ndabacaphukela.

Ngenxa yezenzo zabo ezigwenxa

ndiza kubagxotha endlwini yam.

Ukubathanda kwam kwaphusile;

kaloku iinkokheli zabo zindivukele.

16Ngenene uEfrayim uphanzile,

womile ukususela ezingcanjini;

ewe, akathwali ziqhamo.

Noba angade azale

ndoyibhubhisa loo nzala ayithandayo.

17UThixo wam wabalahla kwesinomhlwa;

kaloku bona abamphulaphulanga.

Ngoko ke boba ziimbacu ezizweni.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help