UMIKA 5 - isiXhosa 1996

Umlawuli oya kuphuma eBhetelehem

1Hlanganisa umkhosi, wena sixeko sihlaselwayo!

Kaloku thina basingqingile.

Ke yena umlawuli kaSirayeli

baya kumbetha ngentonga esidleleni.

2“Kambe ke nawe, Bhetelehem yase-Efrata,

udeleke unjalo kwizindlu zakwaJuda,

kanti ke kwalapha kuwe ndiza kuvelisa

lowo uya kuba ngumlawuli kaSirayeli,

omveli yakhe isukela kwamandulo,

kwimihla yasephakadeni.”

3Ke uSirayeli yena uya kulahlwa

ade ke lowo ulunywayo abeleke,

ke bona abantakwabo babuye

beze bazibandakanye namaSirayeli.

4Uya kumiselwa ukwalusa umhlambi,

enamandla *kaNdikhoyo,

enobungangamsha begama likaNdikhoyo uThixo wakhe.

Ewe, bona bohlala bekhuselekile

kuba kaloku ubungangalala bakhe

bofikelela nakwiziphelo zehlabathi.

5Kaloku yena uya kuzisa uxolo.

Ukuhlangulwa nokutshatyalaliswa

Xa ama-Asiriya elihlasela ilizwe lethu,

egaleleka kwiinqaba zethu,

sowakhuphela isixhenxe sabelusi –

hayi, yoba sisibhozo samatshawe.

6Ilizwe laseAsiriya aya kulilawula ngekrele,

elakwaNimrode alilawule ngamakrele angxashiweyo.

Yena uya kusihlangula kuma-Asiriya

xa wona ehlasela ilizwe lethu,

xa wona engqisha kwimida yethu.

7Amasalela kaYakobi oba phakathi kwezizwe ezininzi;

oku kombethe ovela kuNdikhoyo,

oku komvimbi engceni;

kaloku wona awujongi mntu,

wona awubalindi oonyana babantu.

8Amasalela kaYakobi oba phakathi kweentlanga –

ewe, wona aya kuhlala phakathi kwezizwe ezininzi –

oku kwengonyama phakathi kwamarhamncwa ehlathini,

oku kwethole lengonyama phakathi kwemihlambi yeegusha –

nditsho elihamba linyhasha,

liqwenga-qwenga kungekho mhlanguli.

9Isandla sakho siya kuboyisa ababandezeli bakho,

uzitshabalalise zonke iintshaba zakho.

10Umlomo kaNdikhoyo uthi:

“Ngaloo mini ndowatshabalalisa amahashe akho,

neenqwelo zakho ndizifohloze.

11Ndiya kuzivuthulula izixeko zelizwe lakho,

ke zona iinqaba ndizibhodloze.

12Ndiya kuziphuthisa izixhobo zemilingo ezisesandleni sakho,

ungabi saba nabo abantu abavumisayo.

13Ndoyitshabalalisa imifanekiso eqingqiweyo neentsika zonqulo eziphakathi kwenu.

Akuyi kuba saguqa kumsebenzi wezandla zakho.

14Ndozincothula neentsika zika-Ashera phakathi kwenu;

izixeko zakho zona ndizibhodloze.

15Ndiya kuziphindezela ndinomsindo nengqumbo

kwezo zizwe zingandithobelanga.”

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help