UNEHEMIYA 7 - isiXhosa 1996

1Emva kokugqitywa kodonga ndafakela iingcango ezindaweni zazo, kwaza kwamiselwa abalindi-masango, iimvumi, nabaLevi.

2Ndamisela umntakwethu uHanani ukuba avelele iJerusalem, ekunye noHananiya ingqwayi-ngqwayi yenqaba, kuba wayengumfo onentembeko, uThixo emhlonela ngaphezu koninzi lwabantu.

3Kubo ke ndathi: “Makangavulwa amasango aseJerusalem ide ibe seyiqinile imini. Ngethuba besekhona abalindi-masango mabawavale mba amasango ngemivalo. Kananjalo miselani abemi baseJerusalem babe ngabalindi; abanye kwiindawo ezithile, abanye ke kufuphi nezindlu zabo.”

Uludwe lwabathinjwa ababuyileyo

4Ke kaloku isixeko esi sasisikhulu sithe gabalala, kodwa bembalwa abantu ngaphakathi, nezindlu ke zingekakhiwa.

5Ngoku ke uThixo wam wathetha nam, ndaza ke ndaziqokelela izikhulu, amaphakathi noluntu luphela, ndamisela ukuba bonke babhalwe ngokwemizi yabo. Ndalufumana uludwe lwemilibo yokuzalwa kwâbo babebuye kuqala. Ke lona lwalumi ngolu hlobo:

6Naba ke abantu beli phondo ababuyileyo ekuthinjweni ababethinjwe ngukumkani uNabhukadenezare waseBhabheli. Babuyela eJerusalem nakwaJuda, yangulowo nalowo waphindela kwidolophu yakowabo,

7ndawonye noZerubhabheli, uYeshuwa, uNehemiya, uAzariya, uRamiya, uNamani, uModekayi, uBhileshan, uMisperete, uBhigwayi, uNehum noBhana.

Nalu ke uludwe lwamanani amadoda akwaSirayeli awabuyayo ekuthinjweni:

8inzala kaParoshe

2 172

9inzala kaShefatiya

372

10inzala ka-Ara

652

11inzala kaPahati-mowabhi ngomlibo kaYeshuwa noJowabhi

2 818

12inzala kaElam

1 254

13inzala kaZatu

845

14inzala kaZakayi

760

15inzala kaBhinuwi

648

16inzala kaBhebhayi

628

17inzala ka-Azegadi

2 322

18inzala ka-Adonikam

667

19inzala kaBhigwayi

2 067

20inzala ka-Adin

655

21inzala ka-Atere ngomlibo kaHezekiya

98

22inzala kaHashum

328

23inzala kaBhezayi

324

24inzala kaHarifi

112

25inzala kaGibheyon

95

26amadoda aseBhetelehem naseNetofa

188

27amadoda aseAnatoti

128

28amadoda aseBhete-azemavete

42

29amadoda aseKiriyati-yarim naseKefira naseBheroti

743

30amadoda aseRama naseGabha

621

31amadoda aseMikmas

122

32amadoda aseBhetele naseAyi

123

33amadoda enye iNebho

52

34amadoda enye iElam

1 254

35amadoda aseHarim

320

36amadoda aseJeriko

345

37amadoda aseLodi naseHadide naseOno

721

38amadoda aseSena

3 930

39Nalu uludwe lwababingeleli ababuyileyo ekuthinjweni:

inzala kaYedaya wendlu kaYeshuwa

973

40inzala kaImere

1 052

41inzala kaPashure

1 247

42inzala kaHarim

1 017

43Nalu uludwe lwabaLevi ababuyileyo ekuthinjweni:

inzala kaYeshuwa noKademiyeli bendlu kaHodeva

74

44iimvumi zenzala ka-Asafu

148

45abagcini-masango benzala kaShalum, noAtere, noTalmon, noAkubhi, noHatita, kwanoShobhayi

38

46Inzala yezicaka zendlu kaThixo ezibuyileyo ekuthinjweni:

inzala kaZiya noHasufa noTabhayoti,

47inzala kaKerosi noSiya noPadon,

48inzala kaLebhana noHagabha noShalmayi,

49inzala kaHanan noGidele noGahare,

50inzala kaRaya noRezin noNekoda,

51inzala kaGazam noUza noPaseya,

52inzala kaBhesayi noMewunim noNefusim,

53inzala kaBhakebhuki noHakufa noHarure,

54inzala kaBhezeliti noMehida noHasha,

55inzala kaBhakose noSisera noTema,

56inzala kaNeziya noHatifa

57Kwinzala yezicaka zikaSolomon ezibuyileyo ekuthinjweni:

inzala kaSotayi noSoferete noPerida,

58inzala kaJala noDakon noGidele,

59inzala kaShefatiya noHatili noPokerete-zebhayim noAmon

60Iyonke ke inzala yezicaka zendlu kaThixo nezicaka zikaSolomon engamadoda abuyileyo ekuthinjweni

392

61Nanga amadoda abuyileyo ekuthinjweni evela eTele-mela, eTele-hasha, eKerubhi, eAdoni, naseImere, angabanga nako ukuzilanda izindlu zooyise nomlibo wokuzalwa kwawo, khon' ukuze kuqondakale ukuba azelwe ngamaSirayeli na:

62inzala kaDelaya noTobhiya noNekoda

642

63Kubabingeleli: inzala kaHabhaya noHakozi noBhazilayi (ondlu yakhe ibisekwe yindoda eyathatha intombi kaBhazilayi umGiliyadi, yaza yabizwa ngegama likaBhazilayi)

64Aba bafunisisa ezincwadini zemilibo yokuzalwa, koko awulandekanga umlibo wokuzalwa kwabo. Ngenxa yoko abathatyathwanga njengabahlambulukileyo, baza abavunyelwa ukwenza umsebenzi wobubingeleli.

65Ke ngoko umlawuli wamaJuda wathi kubo mabangatyi kwinyama eyodwa eyinxaxheba yababingeleli eminikelweni de kuvele umbingeleli owayenokuqonda intando kaThixo ngalo mba ngokusebenzisa *iiurim neethumim.

66Ekubuyeni ekuthinjweni amanani ayemi ngolu hlobo:

amaSirayeli ewonke

42 360

67izicaka nezicakazana

7 337

iimvumi neemvumikazi

245

68amahashe

736

iimeyile

245

69iinkamela

435

iidonki

6 720

70Inxenye yeentloko zezindlu yanikela ixhasa umsebenzi wokuhlaziywa kwendlu kaThixo. Le minikelo yayimi ngolu hlobo:

Umlawuli:

iikhilogram zegolide

8

izitya zokutshiza

50

izambatho zababingeleli

530

71Iintloko zezindlu:

iikhilogram zegolide

168

iikhilogram zesiliva

1 250

72Abanye abantu:

iikhilogram zegolide

168

iikhilogram zesiliva

140

izambatho zababingeleli

67

73Ke amaSirayeli ewonke – ababingeleli, abaLevi, abagcini-masango, iimvumi, abanye abantu, nezicaka zendlu kaThixo – bahlala ezidolophini zakowabo.

UEzra ufunda umthetho

Ke kaloku yathi yakufika inyanga yesixhenxe, amaSirayeli selezinzile ezidolophini zawo,

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help