1Emva kokugqitywa kodonga ndafakela iingcango ezindaweni zazo, kwaza kwamiselwa abalindi-masango, iimvumi, nabaLevi.
2Ndamisela umntakwethu uHanani ukuba avelele iJerusalem, ekunye noHananiya ingqwayi-ngqwayi yenqaba, kuba wayengumfo onentembeko, uThixo emhlonela ngaphezu koninzi lwabantu.
3Kubo ke ndathi: “Makangavulwa amasango aseJerusalem ide ibe seyiqinile imini. Ngethuba besekhona abalindi-masango mabawavale mba amasango ngemivalo. Kananjalo miselani abemi baseJerusalem babe ngabalindi; abanye kwiindawo ezithile, abanye ke kufuphi nezindlu zabo.”
Uludwe lwabathinjwa ababuyileyo4Ke kaloku isixeko esi sasisikhulu sithe gabalala, kodwa bembalwa abantu ngaphakathi, nezindlu ke zingekakhiwa.
5Ngoku ke uThixo wam wathetha nam, ndaza ke ndaziqokelela izikhulu, amaphakathi noluntu luphela, ndamisela ukuba bonke babhalwe ngokwemizi yabo. Ndalufumana uludwe lwemilibo yokuzalwa kwâbo babebuye kuqala. Ke lona lwalumi ngolu hlobo:
6Naba ke abantu beli phondo ababuyileyo ekuthinjweni ababethinjwe ngukumkani uNabhukadenezare waseBhabheli. Babuyela eJerusalem nakwaJuda, yangulowo nalowo waphindela kwidolophu yakowabo,
7ndawonye noZerubhabheli, uYeshuwa, uNehemiya, uAzariya, uRamiya, uNamani, uModekayi, uBhileshan, uMisperete, uBhigwayi, uNehum noBhana.
Nalu ke uludwe lwamanani amadoda akwaSirayeli awabuyayo ekuthinjweni:
8inzala kaParoshe
2 172
9inzala kaShefatiya
372
10inzala ka-Ara
652
11inzala kaPahati-mowabhi ngomlibo kaYeshuwa noJowabhi
2 818
12inzala kaElam
1 254
13inzala kaZatu
845
14inzala kaZakayi
760
15inzala kaBhinuwi
648
16inzala kaBhebhayi
628
17inzala ka-Azegadi
2 322
18inzala ka-Adonikam
667
19inzala kaBhigwayi
2 067
20inzala ka-Adin
655
21inzala ka-Atere ngomlibo kaHezekiya
98
22inzala kaHashum
328
23inzala kaBhezayi
324
24inzala kaHarifi
112
25inzala kaGibheyon
95
26amadoda aseBhetelehem naseNetofa
188
27amadoda aseAnatoti
128
28amadoda aseBhete-azemavete
42
29amadoda aseKiriyati-yarim naseKefira naseBheroti
743
30amadoda aseRama naseGabha
621
31amadoda aseMikmas
122
32amadoda aseBhetele naseAyi
123
33amadoda enye iNebho
52
34amadoda enye iElam
1 254
35amadoda aseHarim
320
36amadoda aseJeriko
345
37amadoda aseLodi naseHadide naseOno
721
38amadoda aseSena
3 930
39Nalu uludwe lwababingeleli ababuyileyo ekuthinjweni:
inzala kaYedaya wendlu kaYeshuwa
973
40inzala kaImere
1 052
41inzala kaPashure
1 247
42inzala kaHarim
1 017
43Nalu uludwe lwabaLevi ababuyileyo ekuthinjweni:
inzala kaYeshuwa noKademiyeli bendlu kaHodeva
74
44iimvumi zenzala ka-Asafu
148
45abagcini-masango benzala kaShalum, noAtere, noTalmon, noAkubhi, noHatita, kwanoShobhayi
38
46Inzala yezicaka zendlu kaThixo ezibuyileyo ekuthinjweni:
inzala kaZiya noHasufa noTabhayoti,
47inzala kaKerosi noSiya noPadon,
48inzala kaLebhana noHagabha noShalmayi,
49inzala kaHanan noGidele noGahare,
50inzala kaRaya noRezin noNekoda,
51inzala kaGazam noUza noPaseya,
52inzala kaBhesayi noMewunim noNefusim,
53inzala kaBhakebhuki noHakufa noHarure,
54inzala kaBhezeliti noMehida noHasha,
55inzala kaBhakose noSisera noTema,
56inzala kaNeziya noHatifa
57Kwinzala yezicaka zikaSolomon ezibuyileyo ekuthinjweni:
inzala kaSotayi noSoferete noPerida,
58inzala kaJala noDakon noGidele,
59inzala kaShefatiya noHatili noPokerete-zebhayim noAmon
60Iyonke ke inzala yezicaka zendlu kaThixo nezicaka zikaSolomon engamadoda abuyileyo ekuthinjweni
392
61Nanga amadoda abuyileyo ekuthinjweni evela eTele-mela, eTele-hasha, eKerubhi, eAdoni, naseImere, angabanga nako ukuzilanda izindlu zooyise nomlibo wokuzalwa kwawo, khon' ukuze kuqondakale ukuba azelwe ngamaSirayeli na:
62inzala kaDelaya noTobhiya noNekoda
642
63Kubabingeleli: inzala kaHabhaya noHakozi noBhazilayi (ondlu yakhe ibisekwe yindoda eyathatha intombi kaBhazilayi umGiliyadi, yaza yabizwa ngegama likaBhazilayi)
64Aba bafunisisa ezincwadini zemilibo yokuzalwa, koko awulandekanga umlibo wokuzalwa kwabo. Ngenxa yoko abathatyathwanga njengabahlambulukileyo, baza abavunyelwa ukwenza umsebenzi wobubingeleli.
65Ke ngoko umlawuli wamaJuda wathi kubo mabangatyi kwinyama eyodwa eyinxaxheba yababingeleli eminikelweni de kuvele umbingeleli owayenokuqonda intando kaThixo ngalo mba ngokusebenzisa *iiurim neethumim.
66Ekubuyeni ekuthinjweni amanani ayemi ngolu hlobo:
amaSirayeli ewonke
42 360
67izicaka nezicakazana
7 337
iimvumi neemvumikazi
245
68amahashe
736
iimeyile
245
69iinkamela
435
iidonki
6 720
70Inxenye yeentloko zezindlu yanikela ixhasa umsebenzi wokuhlaziywa kwendlu kaThixo. Le minikelo yayimi ngolu hlobo:
Umlawuli:
iikhilogram zegolide
8
izitya zokutshiza
50
izambatho zababingeleli
530
71Iintloko zezindlu:
iikhilogram zegolide
168
iikhilogram zesiliva
1 250
72Abanye abantu:
iikhilogram zegolide
168
iikhilogram zesiliva
140
izambatho zababingeleli
67
73Ke amaSirayeli ewonke – ababingeleli, abaLevi, abagcini-masango, iimvumi, abanye abantu, nezicaka zendlu kaThixo – bahlala ezidolophini zakowabo.
UEzra ufunda umthethoKe kaloku yathi yakufika inyanga yesixhenxe, amaSirayeli selezinzile ezidolophini zawo,
Who We AreWhat We EelieveWhat We Do
2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.