IsiThyilelo IsiThyilelo 2 - Contemporary Xhosa Bible 2024

1Isithunywa sebandla elise-Efese, sibhalele uthi: Utsho lowo uzibambayo iinkwenkwezi ezisixhenxe ngesandla sokunene, lowo uhamba phakathi kweziphatho zezibane zosixhenxe zegolide;

2Ndiyayazi imisebenzi yakho, nokubulaleka kwakho, nomonde wakho, nokuba ungenako ukubathwala abanobubi; nokuba wabalinga abathi bangabapostile, bengengabo, wabafumana bengamaxoki.

3Wanyamezela, waba nomonde, ngenxa yegama lam wabulaleka, akwatyhafa.

4Noko ke ndinale nto ngakuwe, yokuba uthando lwakho lokuqala walushiyayo.

5Khumbula ngoko apho uwe usuka khona, uguquke, wenze imisebenzi yokuqala; okanye ndoza kuwe kamsinya, ndisishenxise isiphatho sesibane sakho endaweni yaso, ukuba akuthanga uguquke.

6Kodwa unale ndawo, yokuba uyithiyile imisebenzi yamaNikolawo, endiyithiyileyo nam.

7Lowo unendlebe makayive into ayithethayo uMoya kuwo amabandla. Lowo weyisayo ndiya kumnika ukuba adle kuwo umthi wobomi, ophakathi kweParadisi kaThixo.

8Isithunywa sebandla eliseSmirna, sibhalele uthi: Utsho owokuqala nowokugqibela, owayefile, wabuya wadla ubomi;

9Ndiyayazi imisebenzi yakho, nembandezelo, nobuhlwempu, (noko usisityebi), nonyeliso lwabo bathi bangamaYuda bona, bengengawo, besisikhungu sikaSathana.

10Musa ukuzoyika izinto oza kubandezeleka ngazo. Yabona, uMtyholi uza kuyiphosa inxenye yenu entolongweni, ukuze nilingwe; Ke niya kuba nembandezelo imihla elishumi; thembekile kude kuse ekufeni, ndokunika isithsaba sobomi.

11Lowo unendlebe makayive into ayithethayo uMoya kuwo amabandla. Lowo weyisayo akayi kwenziwa kukufa kwesibini.

12Isithunywa sebandla elisePergamo, sibhalele uthi: Utsho lowo unekrele elibukhali, elintlangothi mbini;

13Ndiyayazi imisebenzi yakho, nalapho uhleli khona, apho sikhona isihlalo sikaSathana; nokuba ulibambe waliqinisa igama lam, akwakukhanyela ukukholwa kwam, nasemihleni uAntipas, owabulawelwa kuni, apho ahleli khona uSathana, wayelingqina lam elithembekileyo.

14Noko ke ndineendawana ngakuwe: ezi zokuba unabo apho abayibambe bayibambe imfundiso kaBhileham, owamfundisayo uBhalaki ukuphosa isikhubekiso phambi koonyana bakaSirayeli, ukuba badle izinto ezibingelelwe izithixo, benze nombulo.

15Ngokunjalo nawe unabayibambe bayiqinisa imfundiso yamaNikolawo, into leyo endiyithiyileyo.

16Guquka; okanye ndoza kuwe kamsinya, ndenze imfazwe nabo ngalo ikrele lomlomo wam.

17Lowo unendlebe makayive into ayithethayo uMoya kuwo amabandla. Lowo weyisayo ndiya kumnika ukuba adle kuyo imana efihlakeleyo, ndimnike ilitye elimhlophe;

18Isithunywa sebandla eliseTiyatira, sibhalele uthi; Utsho uNyana kaThixo, omehlo akhe anjengelangatye lomlilo, neenyawo zakhe zifana nobhedu olubengezelayo;

19Ndiyayazi imisebenzi yakho, nothando, nolungiselelo, nokholo, nomonde wakho, nemisebenzi yakho; aze abokugqibela abe ngaphezu kwabokuqala.

20Kambe ke ndineendawana ngakuwe: ezi zokuba umvumela laa mfazi uIzebhele, othi yena ungumprofetikazi, ukuba abafundise abalahlekise abakhonzi bam, ukuba benze umbulo, badle izinto ezibingelelwe izithixo.

21Ndamnika ixesha lokuba aguquke kuwo umbulo wakhe; akaguquka.

22Yabona, mna ndiya kumphosa elukhukweni, nabo bakrexeza kunye naye, embandezelweni enkulu, ukuba abathanga baguquke emisebenzini yabo;

23nabantwana bakhe ndiya kubabulala ngokufa; azi onke amabandla ukuba mna ndingulowo uphengulula izintso neentliziyo, ndinike elowo ngokwemisebenzi yenu.

24Ndithi ke kuni, nakwabanye abaseTiyatira, abo bonke bangenayo loo mfundiso, nabo abo bangazazanga iinzulu zikaSathana, njengoko batshoyo; andiyi kubeka phezu kwenu mthwalo wumbi.

25Kodwa oko ninako kubambeni nikuqinise ndide ndifike.

26Lowo weyisayo, lowo uyigcinayo imisebenzi yam, ade ase ekupheleni, ndomnika igunya phezu kweentlanga;

27Uya kuzalusa ngentonga yentsimbi; njengokuba izitya zomdongwe zityunyuzwa, njengokuba nam ndamkele kuye uBawo;

28ndiya kumnika ikhwezi lokusa.

29Lowo unendlebe makayive into ayithethayo uMoya kuwo amabandla.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help