Kwabase-Efese Kwabase-Efese 3 - Contemporary Xhosa Bible 2024

1Ngenxa yoko mna Pawulos, mbanjwa kaYesu Kristu ngenxa yenu zintlanga,

2Ukuba nikuvile ulungiselelo lobabalo lukaThixo, endababalwa ngalo kuni;

3okokuba wandazisa imfihlelo leyo ngokotyhilelo; (njengoko ndibhale ngaphambili ngamafutshane),

4enothi ngoko, nakulesa, nibe nokuqiqa ukwazi kwam kwimfihlelo kaKristu;

5ababengathanga kuzimbi izizukulwana bayaziswe oonyana babantu, njengoko bayityhilelweyo ngoku abapostile bakhe abangcwele, nabaprofeti bakhe, ngaye uMoya;

6ukuze iintlanga zibe ziindlalifa kunye naye, zibe zimzimba mnye, zibe ngamadlelane ngedinga lakhe elikuKristu, ngazo iindaba ezilungileyo;

7endabamiselayo mna ngokwesipho sobabalo lukaThixo, endasibabalwa ngalo ngokusebenza kwamandla akhe.

8Mna lo ungoyena mncinanana kubo bonke abangcwele, ndababalwa ngolo lubabalo, lokuba ndishumayele phakathi kweentlanga iindaba ezilungileyo zobutyebi obungalandekiyo bukaKristu;

9ndibakhanyisele bonke abantu, bayibone into obuyiyo ubudlelane bemfihlelo ebifihliwe kwasemaphakadeni, ikuye uThixo owazidalayo zonke izinto ngoYesu Kristu;

10ukuze ngoku izilawuli namandla, kwezasezulwini iindawo, zaziswe ngalo ibandla ubulumko bukaThixo obuziintlobo ezininzi;

11ngokwengqibo yaphakade, awayenzayo ngoKristu Yesu, iNkosi yethu;

12Esikuye ke sinokungafihlisi, nokungeniswa kwethu sikholosile, ngokukholwa kuye;

13Kungoko ndicelayo ukuba ningethi amandla ziimbandezelo zam, ezingenxa yenu, zona ezi ziluzuko lwenu.

14Ngenxa yoko ndiguqa ngamadolo am kuye uYise weNkosi yethu uYesu Kristu;

15Ekuthiywe ngaye yonke imizalwane esemazulwini nesemhlabeni,

16ukuze aninike, ngokobutyebi bozuko lwakhe, ukomelezwa ngamandla ngaye uMoya wakhe, ngokusingisele emntwini ongaphakathi;

17ukuze uKristu ahlale ngokholo ezintliziyweni zenu; ukuze nina, nimiliselwe nisekelwe eluthandweni;

18ninako ke ukubuqiqa into obuyiyo ububanzi, nobude, nobunzulu, nokuphakama;

19kwanokulwazi uthando lukaKristu oluncamise ukwazi, ukuze niye nizala ngako konke ukuzala kukaThixo.

20Kuye ke onako ukwenza okungaphezu kweento zonke ngokugqithiseleyo kakhulu, ngaphezu kwesikucelayo nesinokukuqiqa, ngokokwamandla asebenzayo ngaphakathi kwethu;

21kuye malubekho uzuko ebandleni elikuKristu Yesu, kuse kuzo zonke izizukulwana zalo iphakade lasemaphakadeni. Amen.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help