1Ke kaloku uMoya uthi ngokucacileyo inxenye iya kumka elukholweni, ngamaxesha asemva, inyamekele oomoya abalahlekisayo, neemfundiso zeedemon;
2Othetha ubuxoki ngohanahaniso; betshiswe isazela sabo ngentsimbi;
3bengavumi ukuba kuzekwe, nokuba kudliwe izinto ezidalwe nguThixo, ukuba zamkelwe ngombulelo ngabo bakholwayo, bayaziyo inyaniso.
4Kuba sonke isidalwa sikaThixo sihle; asiyonto yakulahlwa, ukuba samkelwe ngombulelo;
5Kuba singcwaliswa ngelizwi likaThixo nangomthandazo.
6Ukuba uthe ezi zinto wazibeka phambi kwabazalwana, woba ngumlungiseleli omhle kaYesu Kristu, wondliwe ngamazwi okholo, nawemfundiso entle oyilandelayo.
7Ke zona iintsomi ezihlambelayo zamaxhegokazi zigatye;
8Kuba eyeyomzimba ingqeqesho inceda kancinane; ke kona ukuhlonela uThixo kunceda ngako konke, kunedinga lobomi bakalokunje, nobobo buza kubakho.
9Lithembekile ilizwi eli, lifanelwe kukwamkelwa konke.
10Kuba sibulalekela, singcikivelwe oko; ngokuba sithembele kuThixo ophilileyo, onguMsindisi wabantu bonke, ngokukodwa owabakholwayo.
11Bathethele ezi zinto, ufundise zona.
12Makungabikho namnye ubudelayo ubuncinane bakho; suka ube ngumzekelo wabakholwayo ngentetho, ngehambo, ngothando, ngokholo, ngobunyulu.
13Nyamekela ukufunda, uvuselelo, imfundiso, ndide ndifike.
14Ungasihilizeli isipho esingokubabalwa, esikuwe; owasinikwayo ngesiprofeto, kunye nokubekwa izandla yintlanganiso yamadoda amakhulu.
15Zinyamekele ezo zinto; zinikezele ngokupheleleyo kuzo; ukuze ukuphumelela kwakho kubonakale kwinto yonke.
16Zilumkele wena nemfundiso yakho; hlala uhleli kuzo; kuba ngokwenza oko, wozisindisa wena, ubasindise nabo bakuvayo.
Who We AreWhat We EelieveWhat We Do
2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.