1uPawulos, umpostile kaYesu Kristu ngokuthanda kukaThixo, noTimoti umzalwana, ubhalela ibandla likaThixo eliseKorinte, ndawonye nabo bonke abangcwele abakulo lonke elaseAkaya;
2bathi, Makube lubabalo kuni, noxolo oluvela kuThixo uBawo wethu, neNkosi yethu uYesu Kristu.
3Makabongwe uThixo, uYise weNkosi yethu uYesu Krestu, uYise onenceba, uThixo wentuthuzelo yonke,
4osithuthuzelayo kuyo yonke imbandezelo yethu, ukuze sibe nako ukubathuthuzela abakwinto yonke eyimbandezelo, ngayo intuthuzelo esithuthuzelwa ngayo nathi nguye uThixo.
5Kaloku, njengokuba iintlungu zikaKristu ziphuphumela kuthi, ngokunjalo ithi nentuthuzelo yethu iphuphume ngoKristu.
6Ukuba ke siyabandezelwa, oko kungenxa yentuthuzelo yenu nosindiso lona olusebenzayo, ukuze ninyamezele kwaezo ntlungu sizivayo nathi;
7Kanjalo ithemba lethu ngani liqinisekile; sisazi ukuba, njengokuba ningamadlelane nathi ngazo iintlungu, ngokunjalo niyakuba ngawo nangentuthuzelo.
8Kuba asithandi, bazalwana, ukuba ningayazi, imbandezelo yethu eyasihlelayo kwelaseAsiya: ukuba saxineka ngokuncamisileyo ngokomelela, ngokokude sibuncame kanye nobomi.
9Ke kaloku besinesigwebo sokufa ngokwethu, ukuze singakholosi ngokwethu, sithembele kuThixo ovusa abafileyo;
10owasihlangulayo ekufeni okungaka, ohlangulayo; esithembele ngaye ukuba usaya kusihlangula;
11Nani nincedisana nani ngokusikhungela, ukuze isipho esingokubabalwa, esenzelwe sona thina ngabantu abaninzi, sibulelwe ngabaninzi ngenxa yethu.
12Kuba oko kuqhayisa kwethu kukungqina kwesazela sethu, ukuba sithe ehlabathini apha, ngokukodwa ke kuni, sahlala singabangenakumbi, sinokungcwengeka okuvela kuThixo, singenabulumko bubobenyama, sinobabalo lukaThixo.
13Kuba asinibhaleli zimbi izinto, ikwazezo nizilesayo, nizaziyo kakuhle; Ndiyathemba ke ukuba niya kuvuma kude kuse ekupheleni;
14njengokuba nasaziyo kakuhle ngokuyinxenye, ukuba siliqhayiya lenu, kwanjengokuba nani nilelethu ngemini yeNkosi uYesu.
15Ke kaloku ndinaloo nkoloseko ke, ndanqwenela ukunga ndingeza kuni kuqala, ukuze nibabalwe okwesibini;
16ndize ndicande kuni ukuya kwelaseMakedoni, ndibuye, ndivela kwelaseMakedoni, ndize kuni, ndiphelekelelwe nini ukuya kwelakwaYuda.
17Xa ngoko ndandifuna oko, ndandifeketha na kanti? Okanye izinto endizicebayo, ndiziceba ngokwenyama yini na ukuze nje kubekho kum nje, ukuba ube nguewe, ewe; nohayi, hayi?
18Ethembekile nje ke uThixo, ilizwi lethu kuni alibanga nguewe nohayi.
19Kuba yena okaThixo uNyana, uYesu Kristu, owavakaliswayo phakathi kwenu sithi (ndim ke noSilvano noTimoti), akabanga nguewe nohayi; kuye nguewe kwakanye.
20Kuye onke amadinga kaThixo anguewe, ukuye uAmen, ukuze kuzukiswe uThixo ngathi.
21Osiqiniselayo ke ndawonye nani kuKristu, osithambisayo ke, nguThixo;
22ositywine wasiqinisa, wasinika isinyaniso soMoya, saba sezintliziyweni zethu.
23Ke mna ndibiza uThixo, ukuba abe lingqina emphefumlweni wam, ukuba kungokunivela, endithe ndaba andikezi eKorinte.
24Anditsho ngakulugagamela ukholo lwenu; nditsho ngokuba singabasebenza nani uvuyo lwenu; kuba nimi ngokholo.
Who We AreWhat We EelieveWhat We Do
2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.