1uMoses wazishiya iintlango zakwaMowabhi, wenyuka waya entabeni yeNebho, esangweni lePisga, malungana neYeriko. uYehova wambonisa lonke ilizwe laseGiliyadi, kwesa kwaDan;
2nelakwaNafetali lonke, nelizwe lakwaEfrayim, nelakwaManase, nelizwe lonke lakwaYuda, kwesa elwandle nganeno kwayo;
3nelizwe lasezantsi, nentlango yaseYeriko, umzi wamasundu, lesa eTsohare.
4Wathi uYehova kuye, Lilo eli ilizwe endafunga ngalo kooAbraham noIsake noYakobi, ndathi, Ndiya kulinika imbewu yakho; Ndikubonise ngamehlo akho, kodwa ungahambi. Pha.
5Wafela khona uMoses, umkhonzi kaYehova, ezweni lakwaMowabhi, ngokwelizwi likaYehova.
6Wamngcwabela emfuleni wakwaMowabhi, ngaseBhete-pehore, engaziwa bani ingcwaba lakhe unanamhla.
7uMoses ubeminyaka ilikhulu elinamanci mabini ezelwe, ukufa kwakhe; Laye lingasenalurhatyazo iliso lakhe, engekabi nawo amandla emvelo.
8Oonyana bakaSirayeli bamlilela uMoses ezinkqantosini zakwaMowabhi iintsuku ezimashumi mathathu; zaphela ke iintsuku zokulila nokumzilela uMoses.
9Waza uYoshuwa, unyana kaNun, wazala ngumoya wobulumko; ngokuba uMoses wabeka izandla phezu kwakhe; Bamthobela oonyana bakaSirayeli, benza njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.
10Ukususela ngelo xesha akuzange kubonakale mprofeti unjengoMoses kwaSirayeli, ubemazi uYehova bekhangelene ebusweni;
11nemiqondiso yonke, nezimanga, awamthumayo uYehova ukuba azenze ezweni laseYiputa kuFaro, nakubakhonzi bakhe bonke, nakwilizwe lakhe lonke;
12nangaso sonke eso sandla sithe nkqi, nako konke ukoyika okukhulu awakwenzayo uMoses emehlweni oonyana bakaSirayeli bonke.
Who We AreWhat We EelieveWhat We Do
2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.