1Kumongameli, ingoma kaDavide. Bonakele, benza izinto ezimasikizi, akukho namnye wenza okulungileyo.
2uYehova ukhangela koonyana babantu esemazulwini, ukuba ukho na oqiqayo, omquqelayo uThixo.
3Bonke balahleka, benziwe inqambi bonke bephela; Akukho wenza okulungileyo, eyedwa.
4Abanakwazi na bonke abenzi bokungendawo? abadla abantu bam njengoko badla isonka, bengambongozi uYehova.
5Bafikelwa luloyiko olukhulu, ngokuba uThixo usesizukulwaneni samalungisa.
6Icebo lehlwempu ulihlazile, Ngokuba uYehova ulihlathi lalo.
7Ukuba beluphuma eZiyon usindiso lukaSirayeli! ekusibuyiseleni kukaYehova isabelo sabantu bakhe, uya kuvuya uYakobi, avuye noSirayeli.
Who We AreWhat We EelieveWhat We Do
2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.