1Ingoma yezinyuko. Ndiwaphakamisela kuwe amehlo am, wena uhleli emazulwini;
2Yabona, njengoko amehlo abakhonzi ekhangele kwizandla zeenkosi zabo, nanjengoko amehlo entombi ekhangela isandla senkosikazi yayo; ngako oko amehlo ethu akuYehova uThixo wethu, ade asibabale.
3Sibabale, Yehova, sibe nenceba kuthi, ngokuba sicekise kakhulu;
4Umphefumlo wethu uzele kukudela kwabahleli ngoxolo, Ukucukucezwa kwabanekratshi.
Who We AreWhat We EelieveWhat We Do
2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.